Lucela uncedo ulutsha ukuze lakhele inkondekazi yase Mpume
Ulutsha lwe lali yase Mpume ku Gatyana luthi “Ayilali isukelwa”. Kwiminyaka emibini edlulileyo silelijelo sapapasha inqaku ngolutsha lwase Mpume eliququzelela ukwakhela umama wasekuhlaleni ngenxa yemeko ahlala phantsi kwayo. Bavela o Msamariya abangcwele bezokuncedisa. Kodwa ngenxa ye corona lo matilele omela ephinini ngenxa ye khovithi.
Kungokunje lamatshantlizyo athi azimisele ukuqhubekeka nephulo lawo lokunceda lomama, becela nabani onokuthi akwazi ukuphosa isandla abancedise kwizinto zokwakha kwezi sele benazo.
Umququzeleli weliphulo uMnumzana Mandla Mbonjeni usikrwece bucala esithela tsuphe ukuba ayilali isukelwa ngamatshantlizyo ase Mpume:
Ubhale wenjenje
“Ndingu Mandla Mbonjeni eMpume kwa ward 29
Apha sasizama ukwakhela umama ohlala emkhukhwini ovuzayo, ugcwale amanzi xa kunethayo, ohamba nge wheelchair ohlala nabazukulwana, ominyaka ingamashumi asibhozo anesithathu – 83. Ngo 2020 so ke saqokela imali sathenga izixhobo zokwakha kwavela I corona kwavele kwathi cwaka emva koko, neendawo esasizame kuzo uncedo kwavele kwathuleka nje, bafika nonontlalontle kunye ne Sebe lezindlu (Human Settlement) bathembisa kwaphinda kwathi cwaka.
Neenkokheli zokuhlala ziyayazi imeko yalo mama kodwa akho ntshukumo yenzekayo.
Ngoku siqonde masiphinde siqale apho sasiyeke khona siyintlangano yalapha kule ward. Ndimazisile uCeba wakwa ward 29 ngale meko naye ndisalindile kodwa ke ngoba ngomtsha ngoku. Ke siyacela usipapashele le meko kwenzele umntu othe wathinteka aqhakamshelane nathi kwezi nombolo zilandelayo.”
Sixhomekeke kwii donations nangoku kusadingeka izinto ezininzi.
Enkosi
Mandla Mbonjeni
Cell: 0768891184 /0780618336
Email: mbonjenimandla44@gmail.com