Skip to content

0813353343

mbhashefm@gmail.com

  • Home
  • The Station
    • About Us
    • Positions
  • On Air
    • Advertise
    • Music
  • News
  • MOTV
  • Donate
    • Adopt A Part
  • Contact us
  • Home
  • The Station
    • About Us
    • Positions
  • On Air
    • Advertise
    • Music
  • News
  • MOTV
  • Donate
    • Adopt A Part
  • Contact us

Author: admin

  1.   »  
  2. Author: admin

Author: admin

Zitshe zangqungqa iivenkile ku Centane!

Zitshe zangqungqa iivenkile ku Centane!

June 21, 2022June 21, 2022 adminLocal newsLeave a Comment on Zitshe zangqungqa iivenkile ku Centane!

Zitshe zangqungqa iivenkile ezine (4) Buzi, Lewis, George’s Fruit and Veg kunye no Rajah Hardware kumgqibelo esiphuma kuwo.

Unobangela womlilo awaziwa kodwa abazibonele ngamehlo bathi umlilo uqale e Lewis.

Ngethuba sithetha nemanejala yenkile yakwa Rajah Hardware umnu Shanif Raan uthi uliqhwabela izandla isebe lezicima mlilo laku Centane ngoku rhuqa iinyawo ngethuba kusitsha iivenkile zabo,”Apha ayiyo nemizuzu emihlanu ukusuka kwi ofisi yabo uzokutsho apha kodwa khange bafike.” Lo ka Raan uqwele ngelithi kukho abantu abalahlekwe yimisebenzi yabo kodwa ubone kulungile ukuba ababhatale kude kuphele lena ka June inyanga.

Ngethuba sisiya kwi ofisi yezicima mlilo sifike kukhala ibhungane kungekho nomnye umsebenzi kwaye kungekho nenye imoto yokucima umlilo.

Umnu Shanif Raan uthi uzimisele ukuba aphinde avuse ishishini lakhe khonukuze abantu ebebesebenza phaya bakwazi ukugxotha ikati elele eziko.

Elinqaku silibhalelwe Ngu: Vuyo Flente

Read More
Ufunyenwe uSolomon Xethu osisigebenga – ubhubhile

Ufunyenwe uSolomon Xethu osisigebenga – ubhubhile

June 3, 2022 adminLocal news

Mahasana – Ingxelo epheleleyo iqhuba ithi ngokwenene nangokwenyaniso ufunyenwe lowo ebesoloko kubhulwa kuseliwa kukhangelwana naye uSolomon Xethu. Ngokwengxelo esiyifumene kumthombo wolwazi (igama siligcinile) ozibonele ngamehlo usixelele ukuba lo ka Xethu ubanjwe ekuzeni kusa kwanamhlanje ehleli kumhlobo wakhe othile ekukrokreleka ukuba bayancazelana batshaya icuba kunye. Emva kokukhwazwa kuka iwu loka Xethu uphuncuke kwabobahlali waze wayokuzirhintyela wazixhoma waba kanti uyawunabela uqaqaqa. Lo nokrawuzana uthembekileyo ukungqinile ukuba amagosa esipolisa akwindawo yexhwayelo sithetha nje kusalindwe abakwa forensic. Ukhwathe belikhona iqaqobana lo sapho lika Solomon kule miheshuzo. Ngethuba ebuzwa uXethu ngentwazana ekutyholwa ukuba wayigebenga kusini na ukhombe indawo ethile nalapho phantsi komthi kuchazwa ukuba ukhombe mhlobo uthile owayekho ngelothuba lesehlo kodwa lo mhlobo usezokuthawuziswa ngemibuzo. Ibingekafunyanwa indawo awangcwatywa kuyo u Esethu Xethu nanjengoko isoyanyaniswa no Solomon.

Elinqaku liyaqhuba xa sifumana ezintsha sakukuphakela zinjalo

Mbhashe News – Indaba zenu zindaba zethu

Read More
Lukhala ngokungabinaziseko ulutsha laku Mgwebi

Lukhala ngokungabinaziseko ulutsha laku Mgwebi

May 1, 2022May 1, 2022 adminLocal news

Gatyana – Lukhala esimantshiyane lusithi lu gwetye lingenatyala ulutsha la ku Mgwebi nekuyilali ephantsi kwe dolophu yaku Gatyana, ku Masipala wase Mbhashe. Le lali yaku Mgwebi ngoko cando lwemida lomasipala kwagwetywa ukuba ibephantsi kuka wadi 23. Ngethuba besibhalela silelijelo bathe thaca incwadi ebonakalisa ukuba ibisisphekepheke ingxamile isingisele ku ceba wale wadi bephokoza imbilini yabo.

Umba obutshotshentla nekubonakala ukuba ubenza bangalali buhlayo ngumbamdela wokungabikho kwendlela esemgangathweni enxibelelanisa le lali kwakunye neelali ezingqongileyo eziquka iQhorha kwakunye ne Qwaninga. Lencwadi iqhuba ithi bafuna kulungiswe nale sele ikhona na kakade kuba ayikulungelanga ukusetyenziswa luluntu oluphilayo ngenxa yesimo esimaxongo nesinganyamezelekiyo ekuso lendlela. Baqhuba besithi amanzi asakhiwa ezintlanjeni ngokohlobo ekwakusenziwa ngalo kwilixa langaphambili.

http://mbhashefm.co.za/wp-content/uploads/2022/05/Mgwebi-road.mp4

Oluxwebhu luqhuba luthi iklinikhi ekhoyo kulelali ikude eluntwini bacela ukuba basondezelwe iklinikhi engu mahamba nendlwana (mobile clinic) nokuba kukanye ngeveki kuba abantu bayalimala ku mahlathi ase Qwaninga, abantu abadala abakwazi kufikelela kuyo neentsana ziyoyisakala ngumgama ohanjwayo ukuya kufuna uncedo lwezempilo. Bavakalise nokuba kwa isikolo sikude ebantwaneni kwa abo badala abakhuselekanga kuba kukho iintsunguzi ezimnyama endleleni esingise esikolweni. Balebele ngelithi bayathemba ukuba abasemagunyeni bakuthi bavakalelwe yile mbalelwano.

Kwelinye icala bavakalisa ukuba owayesakuba ngu wadi komiti wabo uvalela imfuyo yabo esikolweni nto leyo ifike ingabinandawo yokuhlala ezintliziyweni zabo kuba wenza ngetshova lakhe. Batsho besithi pahaha igama lakhe bekwasixelela oyena mntu bamfunayo lo babemphakamisile beluluntu.

UChristopher Ntuku othethela ulutsha uqukumbele ngelithi kwindawo yabo azingeni iimoto bancama babhenele ekubeni basebenzise iidonki ukuhlangabezana nemeko yendlela. Ukwayikhankanyile eyokuba bakhe bawuphakamisa lo mcimbi ku Masipala kodwa abakalufumani uncedo basajonge enkalweni ekubonakala ngathi nayo lo nkalo igutyungelwe yinkungu.

http://mbhashefm.co.za/wp-content/uploads/2022/05/Mgwebi-road-2.mp4
Read More
The Art of Science Competition 2022

The Art of Science Competition 2022

April 20, 2022 adminEvent, School News

WIPISA brings to you The Art of Science Competition 2022 for female leaners from Grade R to Grade 8.

The Art of Science is a competition that expresses science through art as creative expression can take on many forms. We welcome a variety of artistic media.

Grand Prize – (For the school with the most entries) is a laptop to the value of R5000 sponsored by Mazi

The Competition is open female learners from Grade R – Grade 8

 

WIPISA stand for Women In Physics in South Africa

For more information please contact: wipisa@saip.org.za

Telephone: 012 841 2655 – Onesimo Mtintsilana

Please visit our website : https://www.saip.org.za/women-in-physics/

Read More
Ngubani lo uthe gqolo ebulala abantu eChafutweni?

Ngubani lo uthe gqolo ebulala abantu eChafutweni?

March 30, 2022 adminLocal news

Gatyana – Ngokwengxelo epapashwe lijelo lika mabonakude uSABC, “kuthe gqolo ukubulawa kwabantu kwilali yase Chafutweni neyenye yelali ze dolophu yalapha ku Gatyana phantsi kwalo masipala wase Mbhashe”. Uluntu lale ndawo kuchazwa ukuba baphila ubom bentshontsho besoyikisela imiphefumlo yabo, yiyo lonto bekhala esimantshiyane becela uMphathiswa wezesipolisa uMnumzana Bheki Cele kwakunye noMkomishinala wamaplisa welizwe ukuba bangenelele. Ingxelo ngokwentatheli elandela elinqaku, lobhubhane waqala ngonyaka ka 2020 kodwa akukabikho mntu ubanjiweyo uzakuthi ga ngoku, utyibele ngelitshoyo unondaba.

UNkosi uNdabele Mtoto ukungqinile ngethuba ethetha nabendaba ukuba ngokwenene nangokwenyaniso kukho amakhaya ade avalwa ngenxa yokoyika esisimo sokubulawa kwabantu, watsho esithi naye kwikhaya lakhe unomninawa wakhe othe walixhoba lokudutyulwa kweziziganeko. U bawo uPhumzile Mkhekheletshe uthe kulendawo akukho umntu uzaziyo ukuba akanakuzibona ebhubhile, watsho esithi bayabacela abakurhulumento bazobancedisa ekufumaneni isizekabani nokubakhusela. Osisithethi samapolisa uMnumzana Thembinkosi Kinana uthe basabhula besela bewaphanda lamatyala kwaye banyuse izinga le patrol kwezindawo zichaphazelekayo. Elinqaku liphalazwe ngabakwa SABC babhala besithi “Kudutyulwe kwabulawa abantu abathandathu kwilali iChafutweni kuGatyane eMpuma Koloni. Eziziganeko zonke zenzeke kwisithuba seeveki ezintathu kule nyanga, ingekokokuqala kubulawa abantu kule lali.

 

Nali inqaku elipheleleyo labakwa SABC

SABC Indaba

MOTV

Elinqaku lilandelwe ngu Nomzwanele Mngoma wakwa SABC.

Read More
Ingaba unengxaki malunga nomtshato wesintu? LRC ingakunceda

Ingaba unengxaki malunga nomtshato wesintu? LRC ingakunceda

March 9, 2022March 9, 2022 adminAdvert
Intengiso:
Abakwa Legal Resource Centre bangakunceda kwingxaki zakho zemitshato eyayenziwe kwilixa elingaphambili kwale mithetho ikhoyo, nalapho kufumaniseka ukuba amanye amaqabane ayengenalo ilungelo ngokwaneleyo kulo mtshato. Ukuva ngcono batsalele kulenombolo: 031 301 7572 kungenjalo uthumele imbalelwano ku sandra@lrc.org.za iwebsite yabo ngu www.lrc.org.za
Phulaphula uMbhashe FM ngalamaxesha alandelayo ukuva banzi ngoncedo labakwa Legal Resource Centre:
7:40 – IsiXhosa
8:40 – English
9:40 – IsiXhosa
11:40 – English
14:40 – IsiXhosa
15:40 – English
Download incwadana yesi Xhosa uzifundele ukuba bangakunceda njani abakwa Legal Resources Centre
Equality for African Women IsiXhosa (003)
Download incwadana yesi Ngesi uzifundele ukuba bangakunceda njani abakwa Legal Resources Centre
Equality for African Women Eng
Read More
Prospect Academy Finishing School

Prospect Academy Finishing School

January 26, 2022 adminSchool News

Advert:

Ungumfundi obebhale ibangaleshumi kunyaka ophelileyo? Ingaba iziphumo zakho ziwe nganeno kunoko ubukulindele okanye khange uvele nokuvela kumqulu wabo baphumeleleyo? Ungalahl’ ithemba iProspect Academy Finishing School ikhona ukuze ifezekise amaphupho neminqweno yakho. IProspect Academy Finishing School inikezela ngezizifundo zilandelayo: Maths, Physics, English, Life Science, Geography, kwakunye ne Agriculture. Isifundo (Subject) ngasinye sixabisa i R200, Faka isicelo sakho nge R100, ze ubhalise nge mali engange R500. Ngengcombolo ezithe qabavu qhagamshelana nathi kwezinombolo zilandelayo: 083 470 5554 okanye 083 797 3559. email: prospecta2022@gmail.com. Ungathi ugcwalise ixwebhu lesicelo kule dilesi:http://www.lkeducentre.co.za/Apply-Online.php kungenjalo iform kule dilesi: http://www.lkeducentre.co.za/downloads/Application_Form.pdf

Sifumaneka ngakwi klinikhi yase Mqhele kwidolophu yase Xhorha kweli le Mpuma Kapa.

Professional and dedicated team has been hired to cover your matric journey – Ngenxa yakho, Silapha – Khumbula igama Prospect Academy.

Read More
Ikamvalethu Academy

Ikamvalethu Academy

January 20, 2022January 20, 2022 adminSchool News

Advert:

Ingaba ufuna ukuphucula iziphumo zakho zebanga leshumi okanye ufuna ithuba lesibini lokuba uphinde uzibhale? Khusela ikamva lakho, ngokuthi uqhangamshelane nabase Ikamvalethu Academy ngenkcukacha ezithe qabavu.

Bakwanazo ne class ezongezelelweyo ukusuka ku Grade 10 ukuya ku Grade 12 nge migqibelo.

Tsalela kulenombolo: 065 830 9515 email: ikamvalethuacademy@gmail.com

Bafumaneka eNtyantyambo Primary School, Sir George Grey Street, Gqeberha 6205

Read More

Isaziso soluntu kunye nesimemo seembizo zika Sodolophu.

January 14, 2022 adminEvent, Local news

Mbhashe – USodolophu woMasipala wengingqi yaseMbhashe, uCeba Samkelo Janda ngokugunyaziswa ngumthetho wesahluko sesine (4) (sentatho Nxaxheba yoLuntu) kunye nesahluko sesihlanu (5) (seSicwangciso soPhuhliso esiHlanganisiweyo) soMthetho weeNkqubo zikaMasipala onguNombolo 32 ka-2000; ukhupha isaziso sokuba uMasipala waseMbhashe uthanda ukumema bonke ooCeba, abameli bamaqela achaphazelekayo abhalisiweyo, uluntu kummandla waseMbhashe, amaziko karhulumente, amacandelo abucala nabameli bemibutho yoluntu kunye nabachaphazelekayo abanqwenela ukuthatha inxaxheba kwiiMbizo zikaSodolophu bamnkelekile ukuba bazizimase. Iimbizo zikaSodolophu ziza kubanjwa ukusukela ngomhla we-17 kweyoMqungu 2022 ukuya kutsho ngomhla we-16 kweyoMdumba 2022 kuzo zonke iiwadi zaseMbhashe. Isicwangciso esiqulethe iinkcukacha malunga neentsuku siyafumaneka kulamaqonga onxibelelwano alandelayo (Facebook- Mbhashe Local Municipality, kumnatha woMasipala – http://www.mbhasemun.gov.za, kwiibhodi zezaziso kunye nakwi-Ofisi zikamasipala)
Ngolwazi oluthe vetshe nceda uqhagamshelane noNkosazana Bacela – uMphathi oMkhulu kwiSebe kule nombolo 047 489 5811 okanye uthumele i-imeyile bacelat@mbhashemun.gov.za
Imiqathango yentsholongwane i-COVID19 iyakuthi ilandelwe.

Read More
Nasizo on a mission to save girls!

Nasizo on a mission to save girls!

December 29, 2021December 29, 2021 adminEvent, Local news

An organisation called Inkciyo Eastern Cape has been working for the past five years to fight teenage pregnancies and empower rural girls in Eastern Cape under the leadership of Nasizo Mndende.

The Daily Sun Newspaper has compile this report about Nasizo Mndende and the event that was held in Qumbu:

Read More

Posts navigation

Older posts

PLEDGE A CONTRIBUTION! CLICK DONATE NOW ON TOP TO SUPPORT OUR STATION....MBHASHE FM - ZIVE USEKHAYA

LIVE ON AIR

RCAST.NET
RCAST.NET
Proudly powered by WordPress | Theme: sharksdesign by reviewexchanger.