May 3, 2024

103.9FM

103.9FM -106.1FM – Zive usekhaya

Yazi isikhululo uMbhashe FM ngcono – Road to frequency

2 min read

Mbhashe FM – UMbhashe FM sisikhululo sikanomathotholo esisasaza ngobuxhakaxhaka be intanethi okwakaloku nje. UMbhashe FM sisikhululo esasungulwa ngonyaka ka 2013 emva kokubona iimfuno nezidingo zokuba nesikhululo sosasazo kwi ngingqi yase Mbhashe kwakunye nendawo ezingqongileyo phantsi ko Masipala wesithili sase Amathole. UMbhashe FM waqala ukusasaza nge dijithala (digital station) ku nyaka ka 2014, waze wazakhela igama ngokusebenzisa amakhasi onxibelelwano ngokuthi upapashe iindaba zasekuhlaleni uncediswa kukuthelwa tsuphe ngo Nokrawuzana abathembekileyo (Citizen Journalism) nabazibonele ngamehlo isehlo nesenzeko.

UMbhashe FM ubhaliswe ngokusesikweni kunyaka ka 2017 njenge NPO (inkampani engajonganga kukwenza nzuzo). Kunyaka ka 2015 igunya bantu elilawula ezosasazo eMzantsi Afrika – Icasa laye labeka iMoratorium kwizicelo zosasazo, into ethetha ukuba alizamnkeli izicelo zosasazo kwabo banomdla wokwenjenjalo. Eli jelo liye lathi gqolo ukusasaza lisebenzisa ubuchwephesha bale mihla ukuze lifikelele eluntwini, nangona belingafikeleli ngokupheleleyo eluntwini ngenxa yokuxabisa kwamandla e data zokumamela izikhululo ezisasaza ngedijithala.

Igunyabantu lezosasazo ku nyaka ka 2019 laye labhengeza ukuba abo banqwenela ukufaka izicelo zosasazo bangazingenisa, kodwa uMbhashe FM zange usifake isicelo kuba usanqwenela ukuqwalasela imithetho nemigomo efunwa ligunyabantu (Icasa). Liphinde labhengeza kunyaka ka 2021 igunyabantu ukuba abo banqwenela ukufaka izicelo mabaphinde bafake izicelo emva kokufeda kwabo babenze izicelo be katyile bengakhange bakwazi ukumelane nemfuno ze gunya bantu kunyaka ka 2019. Elijelo laye laqulunqa amaxwebhu esicelo sawangenisa kwi gunya bantu phambi kokuba kuvalwe ngo June ka 2022. Abakwa Icasa baye bavakalisa ukuba bafumene izicelo ezimalunga nekhulu elinesihlanu lezicelo (105) ku Mzantsi Afrika uphela.Icasa Phase 1

Ngethamsanqa isikhululo uMbhashe FM uye wakwizikhululo ezihlanu kwezo bezingu 105 bezifake izicelo oye wathi wavunyelwa ligunya bantu njengesikhululo esikulungeleyo ukusasaza ngokusesikweni oko kusenzeka kunyaka ka 2023.

Icasa Phase 2

Kungoku nje uMbhashe FM ukwiphulo lokuzama ukuqokelela izixhobo zokusasaza ngokupheleleyo kumaza omoya esiqhelo ( frequency) ungapheleli ku dijithali. Ukuba ngaba kukho lowo unezixhobo angazisebenzisiyo ezifana ne khompyutha, transmitters, antennas, ifenishala, igalelo ngesakhono (skills) okanye ingcebiso (strategical advise and support), inkxaso ngezezi mali ( Financial support) angathi asikrwece bucala ukuze sidlane indlebe ukuze isikhululo sizokugqobhoza kumaza omoya kwixesha esibekelwe lona.

Isikhululo uMbhashe FM siziqulathe zonke impepha mvume ezifunwa ligunya bantu ukuze ube kanti uyakwazi ukungena kumaza omoya ngokusemthethweni kwilizwe lo Mzantsi Afrika (licences). Sivumeleke ukuba sigqobhoze kwi freqencies ezimbini, ngenkcukacha ngena kwi webusayithi yethu engu: Website