Skip to content

0813353343

mbhashefm@gmail.com

  • Home
  • The Station
    • About Us
    • Positions
  • On Air
    • Advertise
    • Music
  • News
  • MOTV
  • Donate
    • Adopt A Part
  • Contact us
  • Home
  • The Station
    • About Us
    • Positions
  • On Air
    • Advertise
    • Music
  • News
  • MOTV
  • Donate
    • Adopt A Part
  • Contact us

Category Archives: Local news

  1.   »  
  2. Category Archives: Local news

Category: Local news

Zitshe zangqungqa iivenkile ku Centane!

Zitshe zangqungqa iivenkile ku Centane!

June 21, 2022June 21, 2022 adminLocal newsLeave a Comment on Zitshe zangqungqa iivenkile ku Centane!

Zitshe zangqungqa iivenkile ezine (4) Buzi, Lewis, George’s Fruit and Veg kunye no Rajah Hardware kumgqibelo esiphuma kuwo.

Unobangela womlilo awaziwa kodwa abazibonele ngamehlo bathi umlilo uqale e Lewis.

Ngethuba sithetha nemanejala yenkile yakwa Rajah Hardware umnu Shanif Raan uthi uliqhwabela izandla isebe lezicima mlilo laku Centane ngoku rhuqa iinyawo ngethuba kusitsha iivenkile zabo,”Apha ayiyo nemizuzu emihlanu ukusuka kwi ofisi yabo uzokutsho apha kodwa khange bafike.” Lo ka Raan uqwele ngelithi kukho abantu abalahlekwe yimisebenzi yabo kodwa ubone kulungile ukuba ababhatale kude kuphele lena ka June inyanga.

Ngethuba sisiya kwi ofisi yezicima mlilo sifike kukhala ibhungane kungekho nomnye umsebenzi kwaye kungekho nenye imoto yokucima umlilo.

Umnu Shanif Raan uthi uzimisele ukuba aphinde avuse ishishini lakhe khonukuze abantu ebebesebenza phaya bakwazi ukugxotha ikati elele eziko.

Elinqaku silibhalelwe Ngu: Vuyo Flente

Read More
Ufunyenwe uSolomon Xethu osisigebenga – ubhubhile

Ufunyenwe uSolomon Xethu osisigebenga – ubhubhile

June 3, 2022 adminLocal news

Mahasana – Ingxelo epheleleyo iqhuba ithi ngokwenene nangokwenyaniso ufunyenwe lowo ebesoloko kubhulwa kuseliwa kukhangelwana naye uSolomon Xethu. Ngokwengxelo esiyifumene kumthombo wolwazi (igama siligcinile) ozibonele ngamehlo usixelele ukuba lo ka Xethu ubanjwe ekuzeni kusa kwanamhlanje ehleli kumhlobo wakhe othile ekukrokreleka ukuba bayancazelana batshaya icuba kunye. Emva kokukhwazwa kuka iwu loka Xethu uphuncuke kwabobahlali waze wayokuzirhintyela wazixhoma waba kanti uyawunabela uqaqaqa. Lo nokrawuzana uthembekileyo ukungqinile ukuba amagosa esipolisa akwindawo yexhwayelo sithetha nje kusalindwe abakwa forensic. Ukhwathe belikhona iqaqobana lo sapho lika Solomon kule miheshuzo. Ngethuba ebuzwa uXethu ngentwazana ekutyholwa ukuba wayigebenga kusini na ukhombe indawo ethile nalapho phantsi komthi kuchazwa ukuba ukhombe mhlobo uthile owayekho ngelothuba lesehlo kodwa lo mhlobo usezokuthawuziswa ngemibuzo. Ibingekafunyanwa indawo awangcwatywa kuyo u Esethu Xethu nanjengoko isoyanyaniswa no Solomon.

Elinqaku liyaqhuba xa sifumana ezintsha sakukuphakela zinjalo

Mbhashe News – Indaba zenu zindaba zethu

Read More
Lukhala ngokungabinaziseko ulutsha laku Mgwebi

Lukhala ngokungabinaziseko ulutsha laku Mgwebi

May 1, 2022May 1, 2022 adminLocal news

Gatyana – Lukhala esimantshiyane lusithi lu gwetye lingenatyala ulutsha la ku Mgwebi nekuyilali ephantsi kwe dolophu yaku Gatyana, ku Masipala wase Mbhashe. Le lali yaku Mgwebi ngoko cando lwemida lomasipala kwagwetywa ukuba ibephantsi kuka wadi 23. Ngethuba besibhalela silelijelo bathe thaca incwadi ebonakalisa ukuba ibisisphekepheke ingxamile isingisele ku ceba wale wadi bephokoza imbilini yabo.

Umba obutshotshentla nekubonakala ukuba ubenza bangalali buhlayo ngumbamdela wokungabikho kwendlela esemgangathweni enxibelelanisa le lali kwakunye neelali ezingqongileyo eziquka iQhorha kwakunye ne Qwaninga. Lencwadi iqhuba ithi bafuna kulungiswe nale sele ikhona na kakade kuba ayikulungelanga ukusetyenziswa luluntu oluphilayo ngenxa yesimo esimaxongo nesinganyamezelekiyo ekuso lendlela. Baqhuba besithi amanzi asakhiwa ezintlanjeni ngokohlobo ekwakusenziwa ngalo kwilixa langaphambili.

http://mbhashefm.co.za/wp-content/uploads/2022/05/Mgwebi-road.mp4

Oluxwebhu luqhuba luthi iklinikhi ekhoyo kulelali ikude eluntwini bacela ukuba basondezelwe iklinikhi engu mahamba nendlwana (mobile clinic) nokuba kukanye ngeveki kuba abantu bayalimala ku mahlathi ase Qwaninga, abantu abadala abakwazi kufikelela kuyo neentsana ziyoyisakala ngumgama ohanjwayo ukuya kufuna uncedo lwezempilo. Bavakalise nokuba kwa isikolo sikude ebantwaneni kwa abo badala abakhuselekanga kuba kukho iintsunguzi ezimnyama endleleni esingise esikolweni. Balebele ngelithi bayathemba ukuba abasemagunyeni bakuthi bavakalelwe yile mbalelwano.

Kwelinye icala bavakalisa ukuba owayesakuba ngu wadi komiti wabo uvalela imfuyo yabo esikolweni nto leyo ifike ingabinandawo yokuhlala ezintliziyweni zabo kuba wenza ngetshova lakhe. Batsho besithi pahaha igama lakhe bekwasixelela oyena mntu bamfunayo lo babemphakamisile beluluntu.

UChristopher Ntuku othethela ulutsha uqukumbele ngelithi kwindawo yabo azingeni iimoto bancama babhenele ekubeni basebenzise iidonki ukuhlangabezana nemeko yendlela. Ukwayikhankanyile eyokuba bakhe bawuphakamisa lo mcimbi ku Masipala kodwa abakalufumani uncedo basajonge enkalweni ekubonakala ngathi nayo lo nkalo igutyungelwe yinkungu.

http://mbhashefm.co.za/wp-content/uploads/2022/05/Mgwebi-road-2.mp4
Read More
Ngubani lo uthe gqolo ebulala abantu eChafutweni?

Ngubani lo uthe gqolo ebulala abantu eChafutweni?

March 30, 2022 adminLocal news

Gatyana – Ngokwengxelo epapashwe lijelo lika mabonakude uSABC, “kuthe gqolo ukubulawa kwabantu kwilali yase Chafutweni neyenye yelali ze dolophu yalapha ku Gatyana phantsi kwalo masipala wase Mbhashe”. Uluntu lale ndawo kuchazwa ukuba baphila ubom bentshontsho besoyikisela imiphefumlo yabo, yiyo lonto bekhala esimantshiyane becela uMphathiswa wezesipolisa uMnumzana Bheki Cele kwakunye noMkomishinala wamaplisa welizwe ukuba bangenelele. Ingxelo ngokwentatheli elandela elinqaku, lobhubhane waqala ngonyaka ka 2020 kodwa akukabikho mntu ubanjiweyo uzakuthi ga ngoku, utyibele ngelitshoyo unondaba.

UNkosi uNdabele Mtoto ukungqinile ngethuba ethetha nabendaba ukuba ngokwenene nangokwenyaniso kukho amakhaya ade avalwa ngenxa yokoyika esisimo sokubulawa kwabantu, watsho esithi naye kwikhaya lakhe unomninawa wakhe othe walixhoba lokudutyulwa kweziziganeko. U bawo uPhumzile Mkhekheletshe uthe kulendawo akukho umntu uzaziyo ukuba akanakuzibona ebhubhile, watsho esithi bayabacela abakurhulumento bazobancedisa ekufumaneni isizekabani nokubakhusela. Osisithethi samapolisa uMnumzana Thembinkosi Kinana uthe basabhula besela bewaphanda lamatyala kwaye banyuse izinga le patrol kwezindawo zichaphazelekayo. Elinqaku liphalazwe ngabakwa SABC babhala besithi “Kudutyulwe kwabulawa abantu abathandathu kwilali iChafutweni kuGatyane eMpuma Koloni. Eziziganeko zonke zenzeke kwisithuba seeveki ezintathu kule nyanga, ingekokokuqala kubulawa abantu kule lali.

 

Nali inqaku elipheleleyo labakwa SABC

SABC Indaba

MOTV

Elinqaku lilandelwe ngu Nomzwanele Mngoma wakwa SABC.

Read More

Isaziso soluntu kunye nesimemo seembizo zika Sodolophu.

January 14, 2022 adminEvent, Local news

Mbhashe – USodolophu woMasipala wengingqi yaseMbhashe, uCeba Samkelo Janda ngokugunyaziswa ngumthetho wesahluko sesine (4) (sentatho Nxaxheba yoLuntu) kunye nesahluko sesihlanu (5) (seSicwangciso soPhuhliso esiHlanganisiweyo) soMthetho weeNkqubo zikaMasipala onguNombolo 32 ka-2000; ukhupha isaziso sokuba uMasipala waseMbhashe uthanda ukumema bonke ooCeba, abameli bamaqela achaphazelekayo abhalisiweyo, uluntu kummandla waseMbhashe, amaziko karhulumente, amacandelo abucala nabameli bemibutho yoluntu kunye nabachaphazelekayo abanqwenela ukuthatha inxaxheba kwiiMbizo zikaSodolophu bamnkelekile ukuba bazizimase. Iimbizo zikaSodolophu ziza kubanjwa ukusukela ngomhla we-17 kweyoMqungu 2022 ukuya kutsho ngomhla we-16 kweyoMdumba 2022 kuzo zonke iiwadi zaseMbhashe. Isicwangciso esiqulethe iinkcukacha malunga neentsuku siyafumaneka kulamaqonga onxibelelwano alandelayo (Facebook- Mbhashe Local Municipality, kumnatha woMasipala – http://www.mbhasemun.gov.za, kwiibhodi zezaziso kunye nakwi-Ofisi zikamasipala)
Ngolwazi oluthe vetshe nceda uqhagamshelane noNkosazana Bacela – uMphathi oMkhulu kwiSebe kule nombolo 047 489 5811 okanye uthumele i-imeyile bacelat@mbhashemun.gov.za
Imiqathango yentsholongwane i-COVID19 iyakuthi ilandelwe.

Read More
Nasizo on a mission to save girls!

Nasizo on a mission to save girls!

December 29, 2021December 29, 2021 adminEvent, Local news

An organisation called Inkciyo Eastern Cape has been working for the past five years to fight teenage pregnancies and empower rural girls in Eastern Cape under the leadership of Nasizo Mndende.

The Daily Sun Newspaper has compile this report about Nasizo Mndende and the event that was held in Qumbu:

Read More
Umyalezo ka Sodolophu we holide zehlobo

Umyalezo ka Sodolophu we holide zehlobo

December 23, 2021 adminLocal news

Mbhashe – Egameni lomasipala wase Mbhashe, ndininqwenelela iholide ze hlobo ezimyoli kunye nentsapho zenu. Kubantu abazakubasezindleleni banga bangaqhuba ngononophelo bathobele imithetho yezendlela bafike bephilile.

Mandithathe elithuba ndincome indima nenxaxheba yoluntu lonke, kuquka nolwe ngingqi yase Mbhashe, ngokusebenzisa ilungelo labo lokuvota ngethuba lolonyulo ebelibanjwe kwinyanga ye Nkanga 2021, nalapho uluntu luye lakhetha iinkokheli ezizakubasebenzela kule minyaka ukusukela ngonyaka ka 2021 ukuya ku 2026.

Unyaka ka 2021 ushiye abanye bephelelwe lithemba ngenxa yobhubhane we- Covid 19. Mandithathe ndidlulise amazwi ovelwano kubo bonke abathe baphulukana neentsapho zabo ngelithuba. Ndikwaqaphela bonke abo bazibophelele ekulweni ubhubhane we -Covid 19. Masiqhubeleke sizikhusela kwi -Covid 19 ngokuthatha ugonyo, sigcine imiqathango ebekiwe ukuze sithintele ulwasuleleko kunye nomsinga wesine. Yanga ningangena kunyaka omtsha ka 2022 nikhuselekile kwaye nisempilweni

NDININQWENELELA IXESHA LE HOLIDE ZEHLOBO EZIMYOLI KUNYE NONYAKA OMTSHA OGCWELE ZIINTSIKELELO

Read More
Bekuphehlelelwa icwecwe lika Sweet Mama eNqadu kuGatyana

Bekuphehlelelwa icwecwe lika Sweet Mama eNqadu kuGatyana

December 19, 2021 adminEvent, Local news
Read More
Uzakuba nodliwanondlebe ku Mhlobo Wenene uNasizo Mndende

Uzakuba nodliwanondlebe ku Mhlobo Wenene uNasizo Mndende

December 19, 2021 adminEvent, Local news

Xhorha – Uzakuba nondliwanondlebe kwisikhululo sosasazo uMhlobo Wenene FM uNasizo Mndende wase Xhorha kwinkqubo ethi iMfundo ngezentlalo ngo Mvulo umhla wamashumi amabini 20 Disemba 2021, ixesha  malunga nemizuzu emihlanu emva kwentsimbi yesithoba – 21:05 ngokuhlwa ungaphoswa.

Read More
Ibe yimpumelelo itumente yomnyazi eCiko

Ibe yimpumelelo itumente yomnyazi eCiko

December 17, 2021 adminLocal news, Sport

Gatyana – Itumente yebhola yomnyazi (netball) ebibanjwe izolo umhla weshumi elinesithandathu (16) ihambe ngokwezicwangciso nangempumelelo. Lomdlalo ububanjwe kumabala ezemidlalo ase Ciko kwi dolophu yaku Gatyana uququzelelwe yi Blue Diamond Multi Sport Development. Abaququzeleli balomdlalo bathi “babamba ngazo zozimbini kuluntu kwakunye namaqela athathe inkxaxheba nakubantu abaxhase lomdlalo”

Iqela elibezintshatsheli kule tumente liqela le Vikings eliphum’ eNgqamakhwe, kwisibini kwangena iDolphins, indawo yesithathu yathathwa zi Eagles ngethuba iPeacock zithathe indawo yesine. Abaququzeleli bathembisa ukuba kunyaka ozayo kuninzi okuzayo.

Read More

Posts navigation

Older posts

PLEDGE A CONTRIBUTION! CLICK DONATE NOW ON TOP TO SUPPORT OUR STATION....MBHASHE FM - ZIVE USEKHAYA

LIVE ON AIR

RCAST.NET
RCAST.NET
Proudly powered by WordPress | Theme: sharksdesign by reviewexchanger.