December 21, 2024

106.1FM

103.9FM – Zive usekhaya

Banentliziyo ze golide bubuhle abantu baku Gatyana – Awethu

Gatyana – Ewe idolophu yaku Gatyana idume ngezishiqi neziqebheyi ezishiy’ amehlo ngamanye amaxesha, Kodwa hayi bonke abantu balapha banentliziyo ezinjalo bonke.
Sibaliselwa ibali elichukumisayo ngenxa yesenzo esihle esenziwe ngumhlali wenye yezilali zalapha ku Gatyana, emva kokubona isimo nemeko imekuza kumntwana wesikolo adibene naye apha edolophini.
Esisiphekepheke salembalelwano singene sibhalwe ngoluhlobo ngumhlali oziboneleyo ngo see lo Msamariya.
“Mbhashe FM ndicel’ uphakamisa ubhuti Awethu Ndude wenye kwezilali zalapha ku Gatyana. Ubhuti Awethu uze edolophini ku Gatyana uzokhangela ashota ngako. Kuthe kusasa esafika wadibana nomntwana wesikolo ofunda apha etown ehamba nabanye wambiza wasondela lomntana impahla yakhe yesikolo ayifani neyabanye eyakhe igugile lomntwana unxibe imorning shoes ezibomvu (omayi loffie). Umthathile u Awethu lomntwana wambuza umamakhe nge luck umamakhe uthengise kwalapha edolophini naye akathathi ntweni ncam ubacelile ke u Awethu wahamba nabo waya nabo eshop wamqala esihlangwini wayotsho kwi jezi yesikolo. Wabulela ngazo zozibini umzali womntwana. uAwethu lona ungumntu onje kwayena akakwazu gqitha emntwini ambonayo uba noko kukhona ashota ngako uxolel’ uyeka lena yakhe ancede lomntu ambonayo uba usengxakini. Mbhashe FM ndithunyiwe kuwe lulutsha uba ndazise lomyalezo kwenzele nabanye abanomdla wonceda umntu abe kanti angamnceda, enkosi nakuwe Mbhashe FM ngokuthi gqolo nisiphakela iindaba zasekuhlaleni”
Ityibele yatsho imbalelwano ethiwe thaca phambi kwedesika yethu yeendaba, ngenjongo zokukhuthaza ooMsamariya abalungileyo, benjenjalo bathi gqolo ukuphosa esivivaneni nakwabanye xa bebona ukuba kufuneka uncedo.
Sileli jelo sithi makwande apho athathakhona uMsamariya olungileyo ongu Awethu…
Source: Mhlali