April 30, 2024

103.9FM

103.9FM -106.1FM – Zive usekhaya

Abahlali base Lurhwayizo bathi iyavalwa iklinikhi bona beqaqanjelwa

2 min read
Kwa Xhosa kukho intetho ethi “Ungabowabal’ amaqanda inkukhu ingekaqanduseli
Ngoba kutheni?
Kwilixa elingaphambili silelijelo sapapasha amanqaku amabini adakanca ukuba uluntu lwelali yase Lurhwayizo kwalapha ku Gatyana lenze ezibukwayo, ngokuthi “Bazokhele iziko lempilo abahlali” kuba bedinwe (finish and klaar) kukusokola xa befuna indlela yezempilo. Ze elesibini inqaku savakalisa ukuba “Ivulwe ngokusekweni i kilinikhi kwa ward 21”
Sithetha nawe nje kukho isanxwe, isikhalo nesimbonono kuluntu oluthi luphuma kulela yase Lurhwayizo. Lusibikela ukuba kukho isishiqi sika nomnganga sento abangazanga bayibona apha ebomini babo eyokuvalwa kwe kilinikhi bona bethuthunjelwa befuna uncedo lwezempilo. Ngethuba esibalisela umhlali (esingazukumkhanquza ngegama) uthe le kilinikhi iyavalwa ngamaxesha athile ngenxa yokungabi na mongikazi abaneleyo.
Ngethuba simngcambazisa ukuba abahlali baziva njani kukuvalwa kweziko le mpilo ngamaxesha athile belifuna? Uphendule wenjenje ” Wayethembisile urhulumente ngo nurse kodwa azide zibekho. Apha sabolekwa i nurse eyi 1 yase Mpozolo Clinic. Ithi lonto xa ku busy eMpozolo lena yethu iyavala. Umzekelo izolo silinde sancama sazofumana late uba ayizubakho i nurse”
Kwilixa elingaphambili kwakuvakele ukuba uluntu lubethe ezitasini ukuze kwakhiwe eliziko lezempilo. Xa sasibhala inqaku lokuvulwa kwe klinikhi sayikhankanya eyokuba :
UMphathiswa wesebe leze Mpilo eMpuma Koloni ohloniphekileyo uMama Helen Sauls-August ebekhona buqu kulo msitho wokunikezelwa kweliziko lakhiwe ngabahlali. Bekukho nezinye izitatanyiswa eziquka u Executive Mayor wase Amathole District Municipality uCde Nxawe kwakunye nothotholwamalungu ombutho ka Khongolose” icatshulwe kumhlathi wangaphambili
Kodwa sithetha nje kubonakala ngokungathi umqa womele ephinini imbiza iseseziko. Nathi ke sileli jelo singenakuzibophelela ekubeni siyayazi iphi ingxaki. Kodwa lona uluntu luthi lucela uncedo.
Khange sisabele kwabase magunyeni ukuva unobangela wokushokoxeka kwabongikazi.