December 22, 2024

106.1FM

103.9FM – Zive usekhaya

Isishiqi sendoda ekutyholwa ukuba ibulawela utilili ku Gatyana!!!

Gatyana – Emin’emaqanda lihlab’ umhlaba sive isishiqi sendoda ekutyholwa ukuba ibulewe ibulawela utilili, isikhwama esikwanayo nelayisenisi eNgadla kwalapha ku Gatyana.
Ungene umhlali engabhotisanga kumanqwanqwa ethu ezoqhagamshelwano ezokusiphalazela isehlo esehle kwindawo yakhe.
Ungene wabe sele eyitshaya isaqhuma wenjenje:
“Molweni eMbhashe ndinqwenela unibikela ngomntu osondeleyo kum obulewe ngokungenalusini nge Cawe, 19 February 2023 eshiya iintsana zakhe ezine, nomfazi wakhe kwezo ntsana kukho ona less than 3 years”
Uqhube wathi:
“Indoda yase Ngadla ku Gatyana phantsi ko mhlaba waku Dumalisile ibulewe ngokungena lusini ibethwa ityholwa ngokuba utilili ka Mhlali (igama silinkonyile) ne wallet ene licence ka Zipeqengeshe (igama lemboleko) kodwa kuvakala ukuthi utilili lowo ebenaye etyholwa ngokuba ngoka Mhlali (igama silinkonyile) akunjalo wawufumana apho wayesebenza khona eNqadu eqhuba iteletele. Ushiya ngasemva abantwana abane (4) omncinci ungaphantsi kweminyaka emithathu nonkosikazi wakhe. Bade bambethe bayombulalela emzini wakhe baqale ukumbetha ngentsimbi yesihlanu emva kwemini bambulala ngeyothoba.
Umzimba wakhe ugcwele amanxeba kangangoba usapho lwakhe lugqibe ekubeni angcwatywe ngomhla wesine kweyo Kwindla – 4 March 2023 umfana ebengu Sibonda kulelali”
Ngethuba simngcambazisa ngethotho lemibuzo ukuzama ukuqonda ngendima yomthetho esele ihanjiwe uphendule wenjenje.
“Ewe simangele lisemapoliseni ngoku silindele umthetho uhambe indawo yawo”
Lawo ngamazwi ka Nokrawuzana esiphokozela kwakwaziyo. Singasemoyeni sakukroba nokuba kungentunja yenaliti ukuzama ukuqwalasela ukuba iyakuphelelaphi na lenyewe.
Amagama siwankonyile ukukhusela abo bakhankanyiwe nabo basondeleyo kwisehlo. Okwangoku asinakuzibophelela sitsho ukuba ngobani abenzi bobubi. Facebook
Photo: Ngumboniso nje