May 17, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Kudutyulwe inkondekazi eGxutyana ngempelaveki!!

1 min read

Gatyana – Kwimpelaveki esiphuma kuyo ngokomlomo ka Nokrawuzana wethu othembekileyo kuvakala ukuba kukho isehlo sogebengo esehle kwi lali yase Ngxutyana kwalapha ku Gatyana. Ngethuba esithela thsuphe esisihelegu kusasanje sokudutyulwa kweli khehlekazi ubungekaziwa unobangela woko. Kuvakala ukuba abantwana ebebekhona kwelokhaya baphume babaleka besiyokuhlaba umkhosi kubamelwane.
Ngokomlomo ka Nokrawuzana esidlene naye indlebe sizama ukusabela okwenzekileyo uphendule wenjenje.
Izolo sivuke ngendaba ezibuhlungu kubulewe umomncinci wam eNgxutyane ngasesikolweni udutyulwe ngoMgqibelo yindoda engaziwayo phambi kwabazukulwana bakhe. Ngokwengxelo yenkosi uZanoxolo Busakhwe abantwana baphume babaleka beyobiza omakhelwane, ugqibela kwam bekungekabanjwa mntu.

Ifirst born yakhe ina 52 years I think yena upha ko 74 yeminyaka yena, bathi ke abantwana ngumntu ongathethi isiXhosa kakuhle bakrokrela amaSomaliya, but I don’t buy esostory mna ndikrokrela nje intlonti yabantu abatyhola abanye ngobuthi. I think it’s a coincidence the same kulapho kwakugxamesa khona uZandile Dlova ongasekhoyo nge 90’s efunda eMathumbu…..lala ngoxolo Sibakhulu, Nomagaga, Ntlangwini.

Lawo ngamazwi ka Nokrawuzana wethu esizobela umfanekiso ngqondweni ngokwenzekileyo kwelikhaya kule mpelaveki siphuma kuyo.