December 22, 2024

106.1FM

103.9FM – Zive usekhaya

Bekubanjwe intlanganiso yesikhawu ngu masipala wase Mbhashe!!

Ibhunga le Khanisile yo Masipala wase Mbhashe belibambe intlanganiso engxamisekileyo (special meeting) kutshanje ukuze ku dakancwe umba wentlekele ezibangelwe zizikhukhula kulo Masipala wase Mbhashe. Oku kuza emva kokuba bekukhutshwe igazethi liSebe likaZwelonke lakwa Cooperative Gorvernance libhengeza isimo sentlekele ezibangelwe zizikhukhula kwiphondo le Mpuma Kapa, kwakunye namanye amaphondo. UMasipala wase Mbhashe ngomnye womapasila basemakhaya phantsi kwesithili sase Amathole esithwaxwe kanobomu zimvula zakutshanje.
Kulentlanganiso uSodolophu wo Masipala wase Mbhashe uCllr Janda uyibalise yambi imeko lomasipala ojamelene nayo ngenxa yezintlekele ukusuka nakunyaka ka 2021 ukuquka nalona unyaka mali uphezulu. Konke oku kutsho kuchaphazele ukusiwa kwenkonzo eluntwini, ebala ukuchaphazeleka kweziseko kwakunye nendlela ezinxibelelanisa uluntu. Ukuchaphazele ukuba amaSebe athile kwakuye no Masipala weSithile sase Amathole sele beqalile kwiphulo lokucholachola iinkcukacha ngomonakalo ukuze kuzokwazi ukubakho ungenelelo nomhlahlandlela emva kwezintlekele.
Photo: Facebook