Ngahle sibone idolophu yase Xhorha iwufulathela uMbhashe
Mbhashe – Ukuba izinto zingahamba ngokweminqweno nezicwangciso zomasipala osebumelwaneni iKing Sabatha Dalindyebo ogxeleshe ukuba ubekwe kwinqanaba lika Catergory A lomasipala, ntoleyo iyakumenza abekuluhlu lomasipala abaziwa njenge Metropolitan Municipality ngonyaka ka 2026. Lo ndum-ndum uza emva kokuba umasipala we KSD waye wathi thaca amaxwebhu ngokusemthethweni phambi kweqoqo lolawulo lwabo bawulawula ucando lwemida yo masipala – Municipal Dermacation Board (MDB) kweyo Kwindla nyakenye (March).
Xa sicaphula: ” The proposal to catergorise KSD Local Municipality as Category A proposes the exclusion of Xhorha/Elliotdale from the municipal area of Mbhashe Local Municpality and Amathole District Municipality” icatshulwe kwiphephandaba i Mthatha Express
Kuvakala ukuba abe Municipal Dermacation Board bakhe benza utsi gxada kulo masipala we KSD ukuzokwenza uphando oluthe qabavu malunga nesisicelo ngokulandela isolotya u29 no 30 wezocando lwemida (Municpal Demacation Act). Ingxelo iqhuba ithi iziphumo zoluphando lalo tsi gxada zakukuqwalaselwa kakukuhle malunga nenyanga ka Disemba, kwaye ukuba kuye kwakho isisombululo kwesisicelo iziphumo zakuthiwa pahaha ngoku ka section 21 we MDA kwi gazette ye phondo. Uluntu lwakuvunyelwa ukuba lufake iziphakamiso zalo (submit objections) zingadlulanga iintsuku ezingamashumi amabini ananye – 21 days.
Emva kokuqwalaselwa kwezoziphakamiso lebhodi ye MDA iyakuphinda ipapashe phakathi kwenyanga yo Mqungu neyo Mdumba ( January no February) kunyaka ka 2024
Esi sicelo somasipala wase KSD siquka ne wadi u 2, 4 no 5 aba phantsi komasipala wase Mhlontlo, kwakunye no wadi 10, 11, 12, 13 ku masipala wase Nyandeni.
Kukwavakala ukuba umasipala we KSD uthi uzakuqhubekeka ukufakana imilomo nabo be MDB, abathathi nxaxheba (Stakeholders) kwakunye naba masipala bachaphazelekayo ukuqinisekisa ukuba iimfuno zoluntu ziyaqwalaselwa. itshilo ingxelo.
Elinqaku lipapashwe liphephanda iMthatha Express ngokophando lwabo saze saliguqulela esiXhoseni ayilolethu.
Source: Mthatha Express