Bathi bayiva ngembali abahlali inkululeko eMbelu -eXhorha
Xhorha – Namhlanje kubhiyozelwa usuku lwe nkululeko eyafunyanwa kwiminyaka ephantse ukuba ngamashumi amabini anesithoba kwilizizwe lo Mzantsi Afrika. Kodwa kusekho abantu abathi bayiva ngondiva longcamango kwaye bayibona nako mabonakude.
Apha kulo mdividiyo (video) kuse Xhorha enye yedolophu eziphantsi ko Masipala wase Mbhashe kwi Phondo le Mpuma Kapa ku masipala wesithili sase Amathole. Igama lalendawo kuthiwa kuse Mbelu phantsi kwelali uMakhameso eXhorha. Lelali ngokwengxelo ethiwe thaca kwigumbi lethu lo Nokrawuzana ngumthombo weendaba othembekileyo uthi “isatsala emva ngesikeyi sika Romani”
Abahlali balendawo baye baphuma iphulo bathatha isigqibo sokuba bayokuzidibela ngokwabo imiwonyo nemiwewe kwindlela edibanisa lelali kwakunye namaziko ezempilo utshilo umthombo wendaba othembekileyo ngethuba esichubela esikhwebu.
Uqhube wathi lendawo iphantsi kuka Ward Khansila u Stefaan, kwaye abantu balendawo bayakwazi ukuba basweleke phambi kwexesha nokuba ebezakuphila ngenxa yokungafikeleli kakuhle kwezithuthi xa kufuneka kusiwe umntu esibhedlele okanye ekilinikhi. Lo mhlali uthi banamatyeli aliqela bezama nakubo bonke oKhansila abebekhona ngaphambili bedomboza becela uncedo kodwa uncedo ayonto sifane siyifumane. Ulebele ngelithi lendlela imeko yayo ayisafuni ne grader ngoku koko ifuna ukwenziwa ngokutsha.
Xa besiqwalasela zonke ivideo esizibonisiwe abahlali bohlulelene, omama baqokelela amatye okudiba imigodi, ngethuba otata bechacha begawula imithi evale lendlela ishinyeneyo ngathi kuse nature reserve.
Simbuzile ukuba kwizicwangciso zika masipala akukho kwanto ithethekayo ngaphandle kokuthetha no ceba? Uphendule wathi apha bona bathe bakubona ezizigodi banqwenala uKhansila kuba inguye okufutshane ngenjongo zokuba abacelele zonke injongo eziyimfanelo. ngoko ke khange baye kwabase magunyeni kwezolawulo.
Xa siqukumbela sisithi krwaqu kumaxwebhu enkqubo mgomo ka masipala lento bayibiza Draft 2023/24 IDP/Budget Roadshow ebibanjwe kutshanje ibonakalisa ukuba zikhona indlela ezithile ekufuneka ziqwalaselwe ngu masipala, ezinye ngenxa yezikhukhula ebezike zakho, kukwa dakancwe nezinye ke izicwangciso. Lelali yase Mbelu ukuba ikhona kwezizi cwangciso nathi singo Nokrawuzana asinakukuqinisekisa oko..
Elinqaku ligxile kwingxelo esiyithunyelelwe ngumhlali.
Happy Freedom South Africa