World Aids Day Build Up Campaign Ngqeza Primary School
Willowvale Health Centre – Mrs Siko – Health Promotion – 060 658 6159
Isebe leze Mpilo eMpuma Kapa libambisene kwakunye namanye ama Sebe karhulumente bazakube bethe bazalala ngomhla wamashumi amabini anesithoba 29 kweye Nkanga 2022 – (29 Novemba 2022) ukusuka ngentsimbi yesibhozo kusasa – (8:00) imini yonke kwisikolo samabanga’a aphantsi saku Ngqeza bekuphathele ezinkonzo zilandelayo:
Ukujongwa kwe:
Pressure, Swekile, TB, HIV Aids, Amehlo, Amazinyo, Cancer, Prostate cancer kotata, Mans Clinic, Family Planning, Ukuhanjiswa kwe Condoms, Ukufundisa ngezo cantsi (sex education), Ugonyo labantwana ukusuka ku 6 months -12 years, Covid 19 Vaccination,
Kwakunye nezinye iinkonzo ezizakube ziphuma kumanye amasebe ka Rhulumente afana no Home Affairs, SASSA, SAPS, Social Development. Kuzakube kukho neminye imibutho engekho phantsi kuka rhulumente – NPO’s efana no TBHIV, Health Care Foundation, Right To Care neminye.
Kucelwa wonke umhlali aphumelele, ephethe oku kulandelayo: icard lase klinikhi, ID yakhe, I Card lomntwana, Covid 19 Vaccination card nokuba wawukade wasebenzisa i treatment waze wayiyeka ngazizathu zithile, yiza ukuze sikulungiselele.
Bazokube bekhona nonontlalontle ukujonga imeko zemizi ekhokhelwa ngabantwana ngenxa yokungabikho kwabazali.
Ngenkcukacha ezithe dludlu ungathi ukrwece uMam’ uSiko oyi Health Promoter, ophuma eWillowvale Health Centre utshilo ngethuba siphunga naye ikofu kusasanje silelijelo.
Oku kungasentla kuququzelelwa ngu Ceba wakwa 29 uMnumzana Maneli Nxusani ebambisene neSebe le Mpilo phantsi kwe Willowvale Health Centre