December 22, 2024

106.1FM

103.9FM – Zive usekhaya

Luchulumancile usapho lwendoda ebingenabani eGqeberha

Gatyana – Kwilixa elingaphambili silelijelo sabhala inqaku elithi “Isisibhadubhadu eGqeberha indoda yaku Nkxankxashe ifun’ uncedo”. Thina singonondaba bo Mbhashe FM sakrwecwa kwaye sathelwa thsuphe ngu Mgcaleka’ omhle, owazazisa njengo Zanendyebo, uKrila, uThangana ukuba kukho indoda ebhadulayo ifuna uncedo kwizitalato zase Bhayi, nalapho salenzayo elonqaku sicela nabani onokuba kanti uyazazi izihlobo zika Lindile Mboneni. Abalandeli belikhasi babhula besele bencedisana nathi ukuze kufumaneke izihlobo nezalamani zalendedeba yaku Nkxankxashe.
UZanendyobo usibalisele esithi ubesoloko ethe gqolo ukubane ephosa kule ndoda yakwa Mboneni xa enethuba ukuze ithumbu lingancamatheli emqolo bekhon’ abantu.
Kutshanje sifumene imbalelwano esiyifumene ku Zanendyebo efundeka ngoluhlobo “Mholo Thangana (ebhekisa ku nondanba welijelo), simfumene uMbamba owayelahlekile kowabo utatakhe uzile wazomthatha” ilandelwa luthotho lwe voicenote esicacisela ngako konke okwenzekileyo.
Unondaba ongumhleli welijelo uyitshaye isaqhuma ukuze sifumane zonke inkcukacha ezithe qabavu ngelinqaku ekhwela emnxebeni.
Kungokunje usapho luka Lindile luchulumancile kwaye aluwuvali umlomo emva kokuba bade babekanti bayamfumana unyana wabo ekugqibeleni emva kokuba babohlukene naye ngonyaka ka 2015. Ngethuba sithetha noVusikhaya “Zanendyebo” Qoba obengumnxibelalanisi wokuba kuhlangane ezintsampho emva kwethuba elide zingasahlangani ezintsapho usichazele ukuba iinyembezi bezibhalwe ebusweni luvuyo kusapho. Ukanti uLindile Mboneni ubebabiza bonke ngamagama abo bosapho lwakhe ukuquka notata wakhe esabakhumbula bonke engekaba khohlwa.
Ngethuba sipapasha elinqaku ubaw’u Mboneni nonguyise ka Lindile Mboneni ebengafumaneki emnxebeni kuba besendleleni ebuyela ekhaya.. Elinqaku silithunyelelwe ze salilandela ukuze lilungele ukupapashwa