Gatyana – Inkonde ikwiqela labantu abane abathiwe xhakamfu ngamapolisa emva kokufunyanwa nombayimbayi kaxhonxi, nevolovolo ezingenampepha mvume, kwiphulo lobungqondongqondo Intelligence lokutshayela ulwaphulomthetho kuGatyana.
Amapolisa oMzantsi Afrika eMpuma Kapa ayakungqina ukuba kubanjwe amadoda amane ngokuba nemikhono yekati engenampepha mvume namanishini, ngethuba kuqhutywa iphulo elintsukune – 4 days eliqhutywe kuGatyana. Eliphulo liqhuba emva kokuthi gqolo kukho iziganeko zogebengo kule dolophu. Omnye wababarhanelwa kulindeke ukuba oyanyaniswe namanye amatyala anobuzaza olwaphulo mthetho apha kumasipala weAmathole.
NgoLwesibini umhla wamaShumi amabini – 20 Oktobha 2026 igqiza lesipolisa le phondo kwicandelo le TRT (Tactical Response Team) ligqogqe amakhaya amathathu ohlukeneyo kwilalli yaseMevana apha kuGatyana, nalapho abarhanelwa abathathu ukuquka nenkonde eminyaka engamashumi amathandathu- 60 years baye banqakulwa bebanjwa nemikhono ka nomkitsi ngokungekhomthethweni. Abanye abarhanelwa baphakathi kweminyaka ingamashumi mathathu anethoba ukuya kumashumi mathandathu – 39 – 60 years, kwaye kulindeleke ukuba bathi muku ze bathi bhota mhlekazi kwinkundlu kamantyi yakuGatyana ngenxa yokophula umthetho obizwa Firearms Control Act, Act 60 of 2000.
Kusenjalo
Kwesinye isiganeko ngeCawe umhla weShumi elinesibhozo kwa eligqiza likagqogqa lamapolisa libambe umrhanelwa ngokuba nomkhono kanokatana ongenampepha mvume kwilali yaseMdladleni kwalapha kuGatyana, ze wavela kwinkundla kamantyi ngoMvulo umhla weShumi elinethoba, kodwa wakhululwa ngebheyile ye waka lama ram ram erandi.
IBambela Mkomishinala lesiThili saseAmathole, uBrigadier Zinikele Freddie ucela ebongoza uluntu lwakuGatyana ukuba lusebenzisane nabakwantsasana ngethuba besenza umsebenzi wabo wokugqogqa ingakumbi kolukhwekhwe loxhwili lokubulawa kwabantu kwidolophu yakuGatyana zizigilamkhuba zisenza ziphindelela ngokungenaluvelwano, zithatha imiphefumlo yabantu engcwele. Ulebele ngelithi ukulwa ulwaphulo mthetho nokulusiphula nengcambu lufuna intsenziswano emandla kubo bonke abachaphazelekayo.
