Amapolisa kuGatyana asazama ukudibanisa isiganeko sokubulawa kwexhwegwazana ngokumasikizi kwilali yaseMendwana ngobusuku bangaMvulo umhla wama-26 kweyeDwarha 2026.
Umama uNophumzile Ndinisa (76) ufunyenwe kwikhaya lakhe exhaxhiwe ukusuka entloko, wathathelwa namanye amalungu omzimbi aquka ibele, igazi nobuchopho.
Omnye wabahlali abakufuphi uxelele oonondaba boMbhashe FM ngesisiganeko ngoMgqibelo umhla wama-31 kweyeDwarha.
“Kuye kwakwhazwa amadoda ebusuku pha ngoo12 ukuya ku 1. Mna ke ndilele…enyanisweni ke kuthe xa kukhwaza amadoda nam ndabe sendisiya ke” utshilo lomhlali.
“And exhaxhiwe ipolisa liye layiveza into ethi lomntu ebengene phaya nguSathana uqobo lwakhe. Zange ibekhona into enjeya – indlela axhaxhwe ngayo izi pieces – inantsika intloko lena uyiqhekeze phakathi, ubuchopho buphandle and kune parts ezingekhoyo.” ucacise watsho umhlali.
Lo mhlali uvakalise nokuba usapho lukamakhulu lunxunguphele ngenene nanjengoko belixhomekeke kwimali ebeyifumana yenkam-nkam.
Ukwavakalise ukuba basalinde nakwabeSebe Lophuhliso Loluntu (Social Development) ukuze lingenelele kwesisithwakumbe.
Eli linqaku elisakhulayo kwaye oonondaba bethu basabaze iindlebe kwabenkonzo yesipolisa nanjengoko bekungekabanjwa mntu kwesisiganeko.
Kusenjalo, uSekela-Mphathiswa weSebe Lemfundo Ephakamileyo Noqeqesho uNomusa Dube-Ncube umemelela abafundi beekholeji zoqeqesho (TVET Colleges) basebenzise izakhono zabo ukungenelela kwinkathazo yobundlobongela obubhekiswe kwisini (GBV) kwilizwe jikelele.
UDube-Ncube ukuvakalise oku ngelixa kusungulwa iphulo leSouth African Technical and Vocational
Education and Training Students Association (SATVETSA) GBV
Awareness and Career Fairs and Guidance Campaign eThekwini TVET College, kwi-Campus yase-Asherville ngoLwesihlanu.
“Sifikelele kwinqanaba eMzantsi Afrika apho iintetho ezichasene nobundlobongela obusekelwe kwisini zingasenelanga. Sidinga imibuzo engcono, kwaye sidinga iingqondo zolutsha ezizimiseleyo ukufumana iimpendulo ezingcono.” utsho njalo uDube-Ncube.
