- ukungabikho kwamanzi ezikrishi
- izakhiwo nezindlu zangasese ezingakhuselekanga
- iindlela ezingekho mgangathweni
- ukungafiki ngexesha kwabahloli bempilo-ntlalo (Environmental Health Practitioners)
- amaxabiso axhomileyo emihlaba yokwakha iikrishi
- kunye nengxaki yabasebenzi abangancendiswayo ngamasebe noomasipala xa bexakekele ukufaka amaphepha okusebenza
Basabanjwe phakathi kwelitye nendawo eqinileyo abasebenza ezikrishi
I-RR4ECD ithi ijongene nomceli-mngeni wokusebenzela kwiikrishi ezingenamanzi nanjengoko ezinamatanki zisebenzisa ona kodwa ezingenawo zixhomekeke emanzini etephu zasekuhlaleni okanye ankinkishwayo. Le meko yenza kubenzima ukupheka, ukuhlamba izandla, nokucoca iindawo abagcinwa kuzo abantwana abaselula.Ezinye iikrishi zisasebenzela emizini nakwizakhiwo ezindala ezingalungelanga kuhlalisa abantwana abancinci. Ezinye izakhiwo zinamaphahla avuzayo, izindlu zangasese ezingekho mgangathweni, iiyadi ezingabiyelwanga kwaye kunqabe nezondawo zokudlala oonomngqushwana.Lombutho ukhala nangobunzima bokufikelela kwezinye iikrishi kwiimoto ezihambisa ukutywa kookhuthsununu, nakwabenkonzo zoncedo olungxamisekileyo, kwaye maxawambi kubanzima nokuba abasebenzi bafikelele ezikrishi xa izulu livule iimpompo zalo.Kwezinye iilali zaseMbhashe kunzima ukuvula iikrishi nanjengoko bexhomekeke kuphando lwabahloli bempilo-ntlalo (Environmental Health Practitioners) ezingakwaziyo ukufikelela kwezinye iikrishi ngenxa yeendlela ezixakileyo ludaka, izigingqi neebhulorho eziweleka nzima.Ngokwezikhalazo ezikoluxwebhu, abasebenzi basezikrishi bayasokola ukufaka amaphepha neencwadi ezifunwayo ngamagosa ezemfundo ngenxa yokuswela iinkozo zokubhatala izithuthi zokubasa kwii-ofisi ezifanelekileyo nalapho bathi bakhe bangafumani ncedo kumagosa nomabhalane bakarhulumente. Kunjalonje, amanye amaziko ajongene nabantwana abaselula ayakwazi ukusebenza kakuhle nangona esoyisakala kukufaka izicelo, iimpepha neentlawulo zomhlaba. -
Urhulumente waseMbhashe makasebenzele iikrishi zasemakhaya
Umbutho we-RR4ECD ufake izicelo ezintlanu kulomasipala ngelithi amaziko e-ECD kumele abekwe phambili kwizicwangciso nohlahlo-lwabiwo mali loMasipala waseMbhashe. Ezi zicelo ziquka- Amatanki neendawo zokugcina amanzi acocekileyo azosetyenziswa kwimisebenzi yasekrishi, ekwakheni nasekucoceni indawo zokusebenzela.
- Ukusekwa kwenkqubo exhasa ukwakhiwa kwezindlu ezisemgangathweni zokugcina oonomngqushwana. Umasipala ajonge izakhiwo zikawonke-wonke ezingasetyenziswayo ezinokunikezelwa kwimisebenzi ye-ECD.
- Ukongezwa kwabahloli bempilo-ntlalo yasezikrishi ukuze abasebenzi basezikrishi bakwazi ukulungisa ezongxaki ziphawuliweyo ngokukhawuleza nangoncedo lwenkxaso yamagosa karhulumente ajongene ne-ECD.
- Imihlaba eme iikhrishi ingahlawuliswa ngumasipala kwaye nesezilalini elawula zizibonda neenkosi ibenezigunyazisi ezibambekayo ezibubungqina bokuba loo mhlaba ngowekrishi.
- Isicelo sokugqibela kukubekwa phambili kwemicimbi ye-ECD kwisicwangciso sophuhliso lwasekuhlaleni (IDP), uhlahlo-lwabiwo mali lonyaka kunye nokusebenzisana noMasipala weSithili saseAmathole, iSebe Lezemfundo Esisiseko, namanye amasebe ukususa imiqobo endleleni yabasenzi be-ECD abazama ukubhalisa iikhrishi.
- Umbutho we-RR4ECD ngumbutho wabahlali ozimeleyo nongeyamanga ngezopolitiko. Izimvo nezikhalazo zawo zigxile kuphuhliso loluntu ngokubanzi endaweni yokumela ukuphiswano lwezopolitiko.
- Oonondaba baseMbhashe News basabaze iindlebe kumasipala ukuva impendulo yabo koluxwebhu londlalwe ngulombutho
Baphume ngobuninzi abasebenzi basezikrishi kwiphulo lokwenza urhulumente wasekuhlaleni asebenzele uphuhliso lwabantwana abaselula emakhaya ngelixa umbutho ozimeleyo wabahlali iReal Reform for ECD (RR4ECD) ujamalene noMasipala waseMbhashe eDutywa ngowama-22 kweyeDwarha 2026.
I-RR4ECD ithi njengombutho woluntu olwela amalungelo abasebenzi bamaziko ophuhliso lwabantwana abaselula (iikrishi), abazali, nabahlali ngokubanzi, ayinothula ikubona ukukekela kwentlalo nemeko ezisebenzela kuyo iikrishi zasezilalini.
Izikhalazo abazondlale phambi komasipala ziquka:
