UMkomishinala wamapolisa kwiPhondo leMpuma Kapa, uLieutenant General Vuyisile Ncata ukugxeka kabukhalu ukudutyulwa kubulawe uCeba waseMbhashe. Amapolisa avakalisa ukuba ngorhatya lemivundla ngoLwesihlanu umhla wamaShumi amabini anesithathu – 23 Oktobha 2026 malunga necala emva kwentsimbi yesiXhenxe – 19:30, amadoda amabini angaziwayo angene ambonzeleka kwikhaya lika Ceba ominyaka ingamaShumi amathandathu anesithathu – 63 years amdubula ambulala kwilali yaseBende eTaleni eDutywa. UKhansila Ernest Fipaza kuchazwa ngamapolisa ukuba lamadoda agaleleke kwelikhaya kwaza kwakho ukuxambulisana ze umtyholwa warhuthula umkhona wekati wamdubula, kukwachazwa ukuba umtyholwa ukhe wakhomba nonyana wexhoba ngompu efuna ivolovolo yexhoba, bayibonisiwe indawo ekugcinwa kuyo umpu (safe) bayophula kodwa khange bawufumane. Abarhanelwa basabhacile, kwaye amapolisa avule ityala lokugebenga nelokuqhekeza emzini.
Igqiza lokulwa nokuphanda ubugebenga kwiPhondo – Provincial Serious and Violent Crime Investigation Unit lithwaliswe uxanduva lokuphanda elityala. Kuyacelwa nabani onokuba nolwazi elinokukhokhela ekubanjweni kwabarhanelwa ancede aqhagamshelane negqiza eliphandayo ku 071 475 2292 inkcukacha zalowo uze ngaphambili zakuhlala zingu aninomazi – anonymously okanye atsalele u Crime Stop ku 08600 10111
