December 22, 2024

106.1FM

103.9FM – Zive usekhaya

Kugwintw’ utishalakazi phambi kosapho eZigwinta!!

Ingxelo – Esizifumana kutshanje kuchazwa ukuba kwilali yase Zigwinta ephantsi kwesithili saku Dumalisile ku Gatyana kudutyulwe owayesetyhini wabhubha(igama silinkonyile) ngamadoda angaziwayo. Ingxelo esiyithelwe thsuphe ngoo Nokrawuzana bethu abathembakeleyo basichazele ukuba ezizijamankungwini zezigebenga zifike zabiza indoda ethile encedisayo kwelikhaya ngegama besithi bangabecuphi bazobamba lomfo wolusayo bafike behleli exandeni, “lo wasetyhini ugetyengiweyo esekamereni, uthe akuphuma kuba esabela lento ayibizelwe ngaba bantu lo uncedisayo kwelikhaya.. bamdubula… bemka batshona ehlathini yena uswelekele endleleni eya esibhedlele” omnye uNokrawuzana uchaze wathi “izolo malunga nentsimbi ye sixhenxe kwilali yase Zigwinta eNgadla kusweleke uTishalakazi edutyulwa phambi kosapho lwakhe.
Batyatyadule batsho oNokrawuzana bengqina esisehlo ngethuba sibangcambazisa sileli jelo.
Kuchazwa ukuba lo wasetyhini ugetyengiweyo ubengumfundisi ntsapho kwesinye sezikolo zalapha ku Gatyana (igama laso silinkonyile) okwangoku besingenako ukuqiniseka esona sizekabani sokudutyulwa kwakhe.