Mpume: Iqela le bhola yo mnyazi (netball) lase Mpume iHome Defenders nelaziwa ngokuba zincutshe kulomdlalo, eliphantsi ko mqeqeshi uMpumi Gxarisa no Yonela Magqaza liye lafumana inkxaso ye miqoshelo yamanina (sanitary towels) kumsamariya olungileyo u Ayanda Zantsi walapha ku Gatyana kwilali yase Mbhangcolo. Abaphathi be Home Defenders bedibene ne qela eli baye bagqiba ekubeni kwelinani lale nkxaso yale miqoshelo yamanina bayifumeneyo babelane nabafundi bezikolo ezimbini zalengingqi, iMpume Primary kwakunye ne Ntubeni Junior Secondary School. Oku bakwenza ngeenjongo zokuba besazi ukuba kuye kubekho abo bantwana bangafikeleliyo ekubeni bazithengele le miqoshelo ngethuba beyifuna, kuba amakhaya abaphuma kuwo engafani kwaye kuba nabo bengamanina bekwazi ukubaluleka kwayo..
Otishala base Mpume Primary nase Ntubeni Junior Secondary balibulele kakhulu igalelo elenziwe liqela lebhola yomnyazi le Home Defenders batsho besithi “Xa nino kuthi niphinde nifumane omnye umxhasi niphinde nisicinge kuba iyimfuneko kakhulu le miqhoshelo kwaba bantwana sibafundisayo kwezizikolo” batshilo
La matshantliziyo e Home Defenders nazincutshe kulo mdlalo webhola yomnyazi akwenze oku ngomhla wamashumi amabini anesithathu nangomhla wamashumi amabini anesine kule iphezulu – 23/24 Julayi.
Ulutsha lwase Mpume aluqali kusebenza ngoku bambisana. Kutshanje belusando kuthetha ngazwinye lusithi “Hayi kwi mpath’ombi nokuhlukunyezwa kwabantu abadala” ngethuba lesihelegu kulelali. Ukanti kwilixa elingaphambili lwalubambisene luququzelela ukuba inkondekazi ethile yale lali ilungiselelwe ikhaya layo elali kwimeko engancomekiyo ngeloxesha
