Ebezokuzibonela ngokwawo amagosa ka rhulumente imeko yendlela yase Dwesa.

Nqabarha – Ngenxa yemeko yendlela ezimbi nezingahambekiyo kwindlela nebhulorho esingise eDwesa, namhlanje bekuphume igqiza lamagosa akwisikhokhelo solawulo saseburhulumenteni ukuzo kuzibonela lemeko bebambisene nabahlali belali ezichaphazeleka nga mandla, ilali yase Mpume nase Ntubeni. Eyona njongo ingamandla kukuqwalasela ukuba lingathini ichiza elikhawulezileyo ukuze kubekho ungenelelo nesisombululo esikhawulezileyo. Kweli gqiza bekukho ophuma kwi ofisi yeNkulumbuso ye Phondo – (Premiers office) uMnumzana Matshoba, neenkokheli eziphuma kwa infrastracture ku Masipala wase Mbhashe uMrs Hili no Mnumzana Masangwana kwakunye no Ceba wakwa Ward 29 uMnumzana Nxusani.

Ngethuba ezinkokheli zithetha nabo bamele abahlali bakungqinile ukuba konke oko bebekubhalile bakuthi thaca phambi kwesikhokhelo sorhulumento bazibonele kwaye bayakungqina beyi ofisi ye Nkulumbuso, kodwa abakwazi ukungenelela behamba phambi kwesikhokhelo sika Masipala wengingqi. Batsho bethembisa ukuba kufuneka kwenziwe ungenelelo olukhawulezileyo ukusombulula lemeko.

Lendibano iqale ngokubanjwa phezu kwebhulorho yase Nqabarha nenembali yokungahambeki xa kunetha, nekwali gongqongqo elasuba imiphefumlo yabantu ngenxa yokukhukhuliseka kwemoto inabantu, kwaze kwathiwa chu ngcembe ukuya kuma phezu kwase Dwesa kwilali yase Ntubeni.

Inkokheli ka ward 29 uMnu Nxusani ukungqinile ukuba isikhalazo sabahlali sinolwamvila oluvakalayo, kungokunje uzakufaka ingxelo ekhawulezileyo ukuze kufumaneke ichiza lesi simo ngokukhawuleza.

Kwakulendibano kuvakele nokuba imeko zothutho ingakumbi izithuthi zabantwana khange zibase abantwana esikolweni ne bhasi yakwa AB350 ehamba kulendlela khange ibonakale nangontshengele ngentsasa yanamhlanje ukuya ngase dolophini.

 
 
 
 

About the Author

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

You may also like these