Namhlanje, uMasipala waseMbhashe ekhokhelwa nguPotifoliyo Oyintloko weCandelo lweeNkonzo Zoluntu, uCeba Nolundi Gxamtwana, wazise ngokusesikweni uNokontrakha oza kulungisa indlela engangekhilomitha ezisibhozo eLower Bufumba, eXhora.
Ngethuba esamkela abahlali uPotifoliyo oyiNtloko uthe, “Ixesha lokuba siphunyezwe isicelo senu saminyaka le sokuphuculelwa izinga lendlela eniyisebenzisayo lifikile, siniphathele unokhontrakho oyaziyo le ndlela, sifuna nisebenzisane naye, indlela yeyenu, ngoko kubalulekile ukuba nibeyinxalenye yale projekthi.”
Umsebenzi ozakwenziwa uquka oku:
. Ukucocwa nokulungiswa kwendlela endala.
. Ukufakelwa kwemibhobho elishumi ehamba ngaphantsi yokuhambisa amanzi emvula.
. Ukwakhiwa kwendlela yekhonkrithi engangekhilomitha esizibhozo
. Ukufakelwa kwemida yesantya
Oku kuhlaziywa kwale ndlela nesetyenziswa kakhulu ngabahlali kuquka abafundi bezikolo ezintathu, kuza kwenza lula ukuba bafikelele kwiinkonzo ezingundoqo nakumashishini asekuhlaleni ingakumbi ngexesha leemvula ezingamandla.
“Le ndlela iza kusuka kwisikhululo samapolisa, iye kutsho kwibala lezemidlalo, izakusinceda kakhulu singabahlali kuba inendawo ezingahambekiyo xa kunetha. Abantu abagulayo kubanzima ukubalanda kumakhaya wabo nabantwana bangayi esikolweni ngeentsuku ezinethayo ngenxa yokungahambeki. Siyambulela kakhulu uMasipala woMbhashe ngokusizisela unokhontrakha ozoyibeka kwimeko engcono.” Uphawule ngelitshoyo uFikiswa Tyhali, ethetha egameni labahlali.
UNokontraka obekiweyo uvakalise ukuyithakazelela intsebenziswano nabahlali ngexesha lokulungiswa kwendlela.
Kuqikelwelwa ukuba kuzakudaleka amathuba emisebenzi elishumi kwaye kuzakuqashwa ulutsha lwasekuhlaleni.
