Bagotywa besebatsha: Bawongwe ngezatifiketi abantwana be Inkciyo kaXhosa

Ngentsasa yanamhlanje abantwana be Inkciyo kaXhosa, abaqeqeshi babo, abazali babantwana bebengungelene kwiholo lesikolo iMthokwane Junior Primary, nalapho isikhululo sasekuhlaleni uMbhashe FM ugxumeke khona intente. Iinjongo zalendibano ibikuku wonga ngazatifiketi, nokubulela abantwana be Inkciyo kaXhosa ngokuzigcina benyulu, ukuziphatha nokubonisa abazali imfundiso enikwa abantwana babo ngabaqeqeshi babo. Ababantwana bafundiswa ngokuzazi, isintu sabo, indlela yokuziphatha, ukuzikhwebula kwizinto ezingabalungelanga ngokweminyaka yabo, indlela zokutya ezizakugcina imizimba yabo iyeyobuntombi, nakumakhwenkwana afundiswa ngedlela yokuziphatha nendlela yokumelana nesimo sangaphandle (peer pressure).

Abaqeqeshi babantwana bachazele abazali indlela ababakhulisa ngayo ababantwana besithi bayahlolwa ngabantu abakhethekileyo abanamava ababizwa oNomehlo, nalapho bachaze ukuba baphume emagqabini ngoziphatha kakuhle, ukwazi isintu sabo nemveli yabo kwindibano ebebekuyo kutshanje..

Abazali baphume bengawuvali umlomo yinto abayiboniswe ziintsana zabo, ibingamayeyeye bekikizela, umenye-menye kufotwa kusenziwa nemidividiyo ukuze ihlale iyimbali into abayibonileyo isenziwa ngababantwana babo. Kananjalo bababulele kakhulu abaqeqeshi abakhokhele abantwana babo.

Igama inkciyo ligama lesiXhosa elisuka kwisibheshwana esasisetyenziswa ntlandlolo esasinxitywa apha ngaphambili sigquma ubuwena bakho. Kungokunje kukho iinkqubo ezifana neInkciyo kaXhosa ezinenkqubo zokukhumbuza isintu sethu ebantwananeni ngokuthi kuqokolelwe abantwana befundiswa ngobubona babo nemvelaphi yabo. Lenkqubo ye Inkciyo kaXhosa yinkqubo esekelezelwe ixhaswa likomkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyana.

About the Author

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

You may also like these