Livulwe ngokusesikweni icandelo lokuthatha amayeza uhambe – Collect & Go eDutywa
Namhlanje kwiziko lezempilo eliseDutywa kuvulwe ngokusesikweni icandelo lokukhupha amayeza – Prescription Dispensing Unit elibizwa Collect & Go. Abo bafumana unyango lwezigulo ezithatha ixesha elide – Chronic, ezifana ne swekile, ukuwa, high blood pressure, nentsholongwane ka gawulayo – (Hypertension, Diabetes,Epilepsy, HIV), ngoku kuzakuba lula ukuba bafikelele kwiziqhunyana zabo zamayeza okulwisana nezigulo zabo nangaliphi na ixesha befuna. Olungenelelo lujoliswe kakhulu kwabo babasemisebenzini ngamaxesha okundwendwela amaziko ezempilo, nabo banqwenela ukuthatha iziqhunyana zabo ngamathuba eholide, kube kuvaliwe kumaziko ezempilo. Eliziko ngu kracaza ololuhlobo apha phantsi ko masipala waseMbhashe.
Eliphulo lenziwe layimpumelelo liziko labakwa AHF South Africa – AIDS Healthcare Foundation South Africa kwakunye neSebe lezeMpilo eMpuma Kapa. Abakwa AHF South Africa ngumbutho ongekho phantsi kukarhulumente – NPO ojongene nokuziswa kwempilo eluntwini ingakumbi kwizigulo ezifana nesifo sephepha – TB, izifo zokosulelana ngokwabelana ngesondo -STI nezinye.
uSlungile Zwane weliziko uthi bengu AHF South Afrika bachulumance kakhulu yile mpumelelo kuba ngoku uluntu kuzakuba lula ukufikelela kwiziqhunyana zabo zamayeza afunwa ngumzimba wabo. Lonto ithetha ukuba akukho mntu uzakuba semva ekusebenziseni amayeza ekugunyaziswe ukuba awasebenzise liziko lezempilo. Ukwathe kukho namanye amaziko ezempilo – clinics abasebenzisana nayo ekuhlaleni ukusondeza uncedo lwezempilo.
Ukanti aba bakwa AHF South Afrika abaphelelanga kulempumelelo ka Collect & Go, bakwazimisele ukusebenzisana nejelo losasazo lasekuhlaleni uMbhashe FM ukuze bafundise uluntu ngokubaluleka kokukhathalela impilo yabo.
