Abenkonzo yesipolisa oMzantsi Africa – SAPS kwiphondo leMpuma Kapa baseke uphando olungqingqwa olukhawulezileyo, kwaye bakhuphe ompondo zihlanjiwe abanamava norhasatsha kwezophando bephuma kwicandelo lophando olungxamisekileyo kulwaphulomthetho – Provincial Serious Violent Crime Investigation – (SVCI). Oku kuza emva kokuba kugawulwe ngembumbulu Inkosi kwakunye nomama wayo Komkhulu kwilali yaseNkonkwane kuGatyana ngobusuku esivuka kubo umhla weShumi elinesithathu, 13 Oktobha 2026.
Ngokwenkcukacha zamapolisa ezipapashiweyo, amadoda amabini angaziwayo nabexhobe afohlela angenengesinyalumani kwelikhaya malunga nomkhono phambi kwenzimbi yesiXhenxe ngorhatya – lwemivundla – 18:45. Lamadoda aye angundanisela abantu abahlanu kwelokhaya, ebakhombe ngookhohlelidangatya. Ingxelo iqhuba ithi ezinkintsela ziye zanyanzelisa kwaye zafuna into yokuthenga (imali) kwakunye nevolovolo.
Abanontwayibonwa bavulele ngembumbulu kwinkosi eminyaka imalunga namaShumi amane – 44 years, kwakunye nomama wayo ominyaka ingamaShumi asiXhenxe – 70 years phambi kokuba babaleke kwindawo yesehlo. Inkosikazi yenkosi kwakunye nabanye abantu ababini ebebekhona ngexesha loluhlaselo kuchazwa ukuba bona abonzakelanga kwesisiganeko.
Amapolisa avule amatyala amabini ogebengo ukuze adadel’ enzulwini nophando ngezomthetho. Ekwacela nabani onokuba nenkcukacha ezinokuncedisa kuphando ukuba adlane indlebe namapolisa ewathela tsuphe ngalomrhiba unokukhokhelela ekuncediseni kuphando. Lowo angathi atsalele abakwa Crime Stop ku 08600 10111 inkcukacha zakhe zakuthi zigcinwe njengo aninomazi ngamapolisa (anonymously) okanye angene ku MySAPS app.
Kwelinye icala lolwaphulo mthetho, uluntu lwaseNqabarha kuGatyana lusathe khunubembe lusabambe ongezantsi, emva kwesehlo esikumila kunje luhlaselo lweNkosi kwakunye nomama wayo Komkhulu kwinyanga nje ezidlulileyo.
