Isimemo sentlanganiso yamalungu oMbhashe FM

Isikhululo uMbhashe FM simema  amalungu awayetyikitye amaxwebhu ngethuba lesicelo selayisenisi yokusasaza kwesisikhululo uMbhashe FM, ukuba beze kwintlanganiso ezakube ibanjwe ngomhla wamashumi amabini kulenyanga  – 20 Oktobha 2026 ku magumbi osasazo elijelo eMthokwane Junior Primary eNqabarha, kuGatyana ngentsimbi yeshumi kusasa. Esi simemo siza ngoko myalelo we bhodi ekwisikhokhelo soMbhashe FM, kwakunye negunya bantu lezosasazo eMzantsi Afrika, uICASA, ukuze kushukuxwe imiba nebandakanya ukuchongwa kwesikhokhelo esilandelayo kweli jelo. Intlanganiso elandela leyo iyakuthi ibanjwe ngomhla weShumi kweyeNkanga – 10 Novemba 2026 kwaku magumbi osasazo ngentsimbi yeshumi kusasa Ngenkcukacha ezithe vetshe ungathi ubhalele isikhululo ku : admin@mbhashefm.co.za okanye utsalele ku 047 011 0137 or 081 335 3343 Meeting: 20 October 2026 Time: 10:00 – 11:00 Venue: Mbhashe FM (Mthokwane Junior Primary School Place: Nqabarha

About the Author

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

You may also like these