Abhula esel’ amapolisa ase Mthatha ekhangela uKhwelemthini

Amapolisa ase Ngangelizwe eMthatha enza intlaba mkhosi kuluntu ukuba luncedise ekufunyanweni kwendoda eneminyaka engamashumi amathandathu isidlamazimba – 60 years. UMnumzana Khwelemthini Ngoloza waseWaterfall eMthatha kuvakala ukuba wagqityelwa ukubonwa ngoLwesine umhla wokuqala kulenyanga. Lendoda ingumsebenzi kuMasipala weSithili sase OR Tambo kwalapo eMthatha. UMnumzana Khwelemthini wagqityelwa ukubonwa emva kokuphuma emsebenzi nogxabakhe ngokwasemsebenzini enxibe ibhatyi eluhlaza ebhalwa igama lika Masipala wase OR Tambo, kwakunye nebhlukwe eblawuni nomnqwazi orenji wakwa masipala, kodwa zange afike ekhaya ngalonjikalanga yangoLwesine.

Amapolisa ase Ngangelizwe acela nabani onokuba norhithi nolwazi ngokunyamalala kwale ndoda aqhagamshelane no Acting Detective Head, Warrant Officer Ludidi ku 082 442 0735 okanye andwendwele kwisikhululo samapolisa esikufutshane naye kungenjalo atsalele abakwa Crime Stop ku 0860010111

Kusenjalo

Ukanti kwilixa elingaphambili kwikhasi lezonxibelelwano bekukho udliwano ndlebe kwakunye nomntu oli lingu losapho nozichazileyo kolushicilelo, nocacise ukuba lo kaNgoloza ngowaku Jotela kuGatyana, nalapho avakalise ukuba kudala behamba nasezibhedlele nakwindawo ezigcina abantu abangasekhoyo kodwa babuya nelize. Bazihambile neendawo zokhe nisabele kwabo basebenza ngoko moya,

Kodwa zivele ngokwakho ukuba uphendule wathini kolodliwano ndlebe kwelikhonco lingezantsi.

About the Author

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

You may also like these