Ngu: Mncedi Mbombo
Gatyana: Isikolo samabanga aphakamileyo, iXolilizwe Senior Secondary School, esizinze kwilali yaseNqadu kuGatyana, sithiwe jize ngomnyobo wePolo Vivo.
Oku kulandela ukuba esi sikolo besisenye sezikholo ebezimenywe nguMphathiswa wezemfundo ephondweni, uFundile Gade, kumsitho ububanjelwe eMonti.
Lo mnyhadala ububanjelwe kwihotel yesixeko eseHemmingways, kwinyanga kaJune kulo nyaka.
Inqununu yaseXolilizwe SSS, uMnumzana Andile Bam uthi kulo msitho wephondo bekuwongwa izikolo notitshala abaqhubekakuhle kwiziphumo zebangaleshumi (grade12), kwimviwo zokuphela konyaka ka2024.
“Mna ndiye ndamenywe kunye notitshala ohlohla iMathematical Literacy (Maths Lit), uMnumzana Sibusisele Zwane. UMnumzana Zwane uye wafumana imbasa ngokuba ngoyena titshala upaselwe kakhulu kwiMaths Lit, ephondweni jikelele,” utshilo uBam.
Lo kaBam uthi, bona besisikolo baye bawongwa ngomgrugra wemoto ngabaxhasi baseNkqubela Technologies.
“Isikolo siye safumana imoto ngenxa yokuba sihambe phambili ngeziphumo ezihle kwiphondo jikelele, kwizifundo zezibalo nezenzululwazi,” waleke ngelitshoyo okaBam.
UBam uncoma ukuzimisela nokuwazi umsebenzi wabo ootshala bakhe, ngale mpumelelo. Uthi kwesakhe isikolo, utitshala uphuma kwigumbi lokufundela (class) ngentsimbi yeshumi ebusuku. Bona abatwana bebangaleshumi ( grade 12), bonke bahlala ngaphakathi esikolweni.
Uthi imoto le moto izakuncedisa kakhulu kwizinto zesikolo, kangangokuba bebekade bezenza ngeemoto zabo ezinye izinto zesikolo.
Lo mnyobo wamkelwe ngoLwesihlanu umhla we25 July 2025, ngabafundisi ntsapho, amalungu eSchool Governing Body kunye nabafundi baseXolilizwe Senior Secondary School.
