Isikolo sase Fort Bowker JSS kwakunye no sapho luka Saluse Mqingwana ominyaka ilishumi elinesine – 14 years, lifunisa ngalentombazanana ekuvakala ukuba ilahleke izolo umhla wesiXhenxe kulenyanga. Ingxelo iqhuba ithi uSaluse Mqingwana ubesuka ekhaya emva kwekhefu lokuvalwa kwezikolo. Umzali wakhe uthi uye wamkhapha emsa esiphambukeni eLaza esiya eMazizini kuMfula kodwa khange afike apho ebesingise khona. Unobalisa uthi uSalise uye wafumana isithuthi esiyesamkhwelisa ukuya kulendawo ayakuyo umbala waso usilver grey yeyomntu owaziwayo ekuhlaleni. Othethela usapho uNomcebo Zenani uthi uSaluse uye wehlika eXabajiyana kodwa akafikanga apho ebesiya khona.
Lentwazana kuchazwa ukuba ibinxibe ijersey kwakunye ne denim eluhlaza (light blue) Bekwachaza ukuba sele bewathele tsuphe amapolisa ukuze ancedise ekumkhangeleni uSaluse. Kucelwa nabani othe waba kanti unolwazi okanye inkcukacha aqhamshelane nosapho, isikolo sase Fort Bowker okanye amapolisa akufutshane. Inombolo zosapho zezi zilandelayo: Nomcebo Zenani 060 305 8890 (calls) – 066 000 9738 (whats app line) eka Makhulu: 073 118 4079 (Nolungile Mqingwana)
Okanye usebenzise ezi zixhonywe emfanekisweni: 062 042 3990 / 083 338 5856 kungenjalo amapolisa akufutshane
https://www.facebook.com/profile.php?id=61573436460372&locale=en_GB
