Operation Smile:
U Operation Smile South Africa nengumbutho ongekho phantsi kuka rhulumente nongajonganga kwenza nzuzo – iNPO noyinxalenye yalo mbutho kwihlabathi unikezela ngoncedo olukumgangatho ophezulu kwezonyango.
U Operation Smile South Africa ukwiphulo lokukhangela abo badinga uncedo lotyando (Free cleft surgery) kubantu abathe baneziphako emilonyeni ukuze bakwazi ukubuyisela uncumo kwakhona, kwabo bebesele bephelelwe lithemba lokuba bangaze baphinde bakwazi ukuncuma kwakhona ingakumbi abantwana.
U Operation Smile South Africa ukhuthaza abo basezilalini abaludingayo oluncedo lotyando ukuba beze ngaphambili bazocela uncedo.
Olu tyando lwakube luqhuba ngomhla wamashumi amathathu ananye ku Oktobha ukuya kumhla wokuqala, 31 – 01 November 2026 kwi sibhedlele iNelson Mandela Academic eMthatha.
Ngenkcukacha ezithe vetshe ungathi utsalele u Vuyo Somdaka kule nombolo: 073 580 6714 okanye undwendwele ku www.operationsmile.org.za
Every smile tells a story of hope
Operation Smile
Podcast: https://mbhashefm.co.za/podcast/
