Sisathe khunubembe sidakumbile isizwe sase Emvelini Traditional Authority eNqabarha ku Gatyana, phantsi kuka Inkosi Mazamisa (Ahh!! Zanoxolo) sijongise iintloko phantsi sizilile kwaye sidandathekile. Oku kuza emva kwesishiqi nesithwakumbe sesimanga sokuhlaselwa kosapho ngorhatya lwemivundla ngo Lwesihlanu.
Ngokwengxelo epapashwe ngabakwantsasana kumanqwanqwa wabo, malunga necala emva kwentsimbi yesihlanu malanga -17:30 kuye kwadutyulwa Inkosi (Ahh!! Gudlulwandle) kwakunye no mama wayo (Ahh!! Nojongile) babhubha, ngethuba kukwakho nelungu lasekuhlaleni elisinde ngokulambisa kwesisehlo.
Oku kwenzeke kwi Komkhulu lase Nqabarha ku Gatyana ngomhla wesine ngo Lwesihlanu esisuka kuye, kwaye olusapho lakomkhulu belikwikhaya lalo ngethuba lesehlo.
Amapolisa asigxeka kabukhali esi sehlo kwaye avule amatyala amabini ogebengo nelokuzama ukubulala kwaye uphando luyaqhuba ukuzama ukuqwalasela unobangela osondeleyo kwesi sehlo. Aba kwantsasana bavakalise ukuba kukhutshwe iingcungela kwezophando ngezomthetho ukuze kuphandwe elityala, ekwavakalisa ukuba akukabikho mntu ubanjiweyo ngethuba bebepapasha lengxelo.
Abezomthetho balebele ngethi bacela amalungu asekuhlaleni ukuba bangathatheli umthetho ezandleni zabo, koko bavumele ingalo yomthetho idlale indima yawo, ekwabongoza nabani na onokuba naye urhithi namarhe wesisehlo ukuba athele tsuphe abezomthetho kwisikhululo samapolisa esikufutshane okanye atsalele u SAPS Crime Stop ku 08600 10111.
Kusenjalo nge Cawe iinkokheli zasekuhlaleni, ukuquka nenkokheli zeemvaba ngeemvaba bezingungeleni kwelikhaya ukuzogxwala emsanweni nokuzolomeleza kwesisihelegu. Kwezinkokheli bekukho no Sodolophu womasipala wase Mbhashe uGqirhalwazi Samkelo Janda. Ukuzakuthi ga ngoku bekulindeleke ukuba ubu Kumkani neenkosi nazo zindwendwele elikhaya ukuzakudibanisa amehlo nosapho.
