I Manganyela Youth Foundation nengumbutho ongajonganga kwenza nzuzo eXhorha ibibambe umsitho wokukhuthaza ulutsha namanina. Kulo msitho bekukho neSebe lezemidlalo ukuzoxhasa lendibano, nalapho kunikezelwe ngemiqoshelo yamanina (sanitary towels) ngokubambisana neSebe lezentlalontle nenkqubela phambili.
Isikolo semfundo ephakamileyo I King Hintsa TVET College yazise ngamathuba avulelekileyo kwezemfundo kweliziko, batsho bezibophelela ukuba abo bafuna ukufaka izicelo zemfundo bazokuqwalaselwa ngethuba kuvula ixesha lokubhalisela izifundo zabo. IManganyela Youth Foundation ikwahambise nangezipho kumanina athile asekuhlaleni.
uSakhe Zito nongu Sihlalo walo mbutho wongeze ngelithi abawuvali umlomo kwaye bancume oluka Blankethe beyi Manganyela Youth Foundation yimpumelelo yalo msitho nangona ibingowokuqala ukuwenza, watsho esithi abantu bebephume ngobuninzi babo kwaye bezengenjoko zokusebenzisana ukuze kuphuculwe imo yentlalo.
