Namhlanje, umasipala waseMbhashe ebeyinxalenye yombhiyozo weNkciyo kaXhosa eNqadu. Injongo yalo msitho kukwenza isikhumbuzo senyanga yamagugu, inkcubeko, amasiko kunye nezithethe zethu.
USodolophu uCeba Samkelo Janda ngethuba esamkela abantu kulo msitho uncome ukubaluleka kwalenkqubo ngoba iyancedisa ekwakheni isiZwe “Ziyasivuyisa ezinkqubo ngoba zenziwa ngexesha elifanelekile lokubhiyozela inyanga yamagugu nezithethe zethu, kwaye siyazihlonipha ngoba yeyona nto engasincedisa ekwakheni isiZwe” utshilo uSodolophu.
“Kwanga abantu le mini bangayisebenzisa nje ngemini yokufunda kwaye babuyele ebuntwini. Sinebhongo neqhayiya ngokusebenzisana noKumkani kwezinkqubo zokwakha isiZwe” wongeze watsho uSodolophu.
Lo msitho ubuqale ngoyokuhlolwa kwentombi emlanjeni, bandula babuya bayokubulisa uKumkani.
USomlomo weBhunga likamasipala waseMbhashe uCeba Babalwa Majavu, ooCeba nabo bebezimase lo msitho
