Bebephume ngobuninzi abahlali bezokuthi hayi kwi GBV eQwaninga

Namhlanje, iOfisi kaSomlomo weBhunga, uCeba Babalwa Majavu imeme umhlangano ngenjongo zokusabela ikhwelo eZanenqaba Primary School, kwilali yaseQwaninga, Esinqeni Location, ward 23. Umhlangano ububizelwe ukulandelela kohlaselo ngokwesondo kunye nesiganeko se-GBV ngakumfazi owalupheleyo.

Abahlali baphume ngobuninzi babo ukuzozimasa lo msitho kwaye bekwakhalaza ngeziganeko ezibehlelayo kule ndawo. UCeba wale Wadi uCeba Lulamile Khumelwana wamkele lo mhlangano waze wachaza iziganeko ezehlela abantu bale ndawo wagqibelisa ngelithi “uWard 23 yindawo yobundlobongela”

Lo msitho ubuzinyaswe ngabahlali bewadi, ooCeba, uChairperson weMPAC, uNosipho Ganda kunye noChief Whip.UNoAnele Dyalivane ucacise ngesiganeko esithe sehla kule ndawo, sehlela umama uMagadla. Uthe abantu abangotata basimoshele abantwana ngokuba bathi basakuya ehlathini babuye bezizilwanyana.

Omnye ongu mhlali uthe oomama abathi bonele ziziganeko ezinziwa ngulomrhanelwa mabazengaphambili kubantu abasemagunyeni ukuyobika isenzo esehle kule ndawo, esi senzo siquka umntu obhinqinelo. Ubongoze nootata banxibe iimpahla ezimnyama kuyiwe kuMantyi bathi kwanele ngoku, ngoMpandlana Mtlaka ongumenzi wesi siganeko.

Baye banikwa iqonga nabanye abantu abangamaxhoba alo mntu umnye, bechaza iziganeko ezabehlela nabo.

USomlomo weBhunga, uceba Babalwa Majavu ubhekise amazwi evelana namaxhoba ezi ziganeko. Ubashiye nelizwi elithi akuhlaliwa ethunzini lokufa, uyabuyiswa umphefumlo. Uthe abantu abadala abazungahlali emizini yabo, abafazi abazungendi, abantwana abazungathunywa.

About the Author

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

You may also like these