Umasipala wase Mbhashe ebambisene naba Tyali-zimali abavela kwa GLOBAL babambe iseshoni yokwabelana ngolwazi namafama okanye abalimi abathathe inxaxheba kwinkqubo yokuvelisa i-Hemp. Le seshoni ibanjwe kumagumbi kamasipala eDutywa.
Injongo yale ntlanganiso kukuba umasipala abelane nabatyali-zimali ngenkqubela phambili yabalimi kwizicelo zabo ababezifakile ukubhalisa ookopolotyeni babo ngokusesikweni, kwaye adakance neziphumo zovavanyo lomhlaba wabalimi khona ukuze ujongwe ukuba ukulungele na ukulima i-Hemp.
Ngethuba ethetha kule seshoni, uSodolophu uCeba Samkelo Janda wamkele bonke abantu abazimase le seshoni, waze wagxininisa ukubaluleka kwentsebenziswano phakathi kwabaTyali-zimali, nomasipala kunye nabalimi.
“Le nkqubela-phambili ithembisa kakhulu, ngokuba ibonisa ukuba umasipala, abalimi kunye nabatyali-zimali basebenzisana kakuhle,” utshilo uSodolophu.
I-GLOBAL inenjongo yokuncedisa abalimi baseMbhashe abakwicandelo lemveliso ye-hemp, ngengqeqesho khona ukuze kuphuhle izakhono zabo kwaye kudaleke namathuba emisebenzi. Ezinye zenjongo zikaGLOBAL kukubala nokwehlula amasimi wabalimi okanye ooKopolotyeni kunye nemida abazokuyilima.
Iiprojekthi zeMbhashe Hemp Production ezithatha inxaxheba zezi zilandelayo:
* Liyakhula iSheshegu Project
* Pass the baton Agricultural Co-op
* AmaZ amaJ Primary Co-op
* Masikhule Mangathi Hemp Co-operative
* Bolotwa Siyahluma Primary Co-operative
* Gam Gam Hemp Project
Imveliso ye-hemp ibhekisa ekulimeni nasekusetyenzisweni kwesityalo se-hemp, esiyinzalelwane yohlobo lweCannabis sativa, esilinywa ngokukhethekileyo ngeenjongo zorhwebo okanye amashishini.
