uMasipala waseMbhashe ebambisene nesebe lophuhliso loluntu (Department of Social Development) neforam yabantu abadala babambe iseshoni yemidlalo yabantu abadala ebizwa ngokuba yimidlalo yeGolide, kuGatyana kwibala lemidlalo.
Le nkqubo yenzelwe abantu abadala ngokukhethekileyo ngenjongo yokubakhuthaza ukuba bahlale bedlamkile ngokwasempilweni, emzimbeni kunye nasengqondweni.
UNkskz Sipuka, ongumququzeleli wale nkqubo ugxininise iinzuzo nokubaluleka kokuzilolonga kubantu abadala. Uthe le nkqubo yakhelwe ukuncedisana nabantu abadala bahlale bedlamkile, bangasweli into yokwenza kwaye ikwakuko nokukhuthaza ukuba iminyaka yabo ayibonisi ukuphela kohambo lwabo, kodwa isahluko esitsha esizaliswe ngamathuba okukhula, igalelo kunye nokuzaliseka.
Le midlalo iquka ukuhamba ngokukhawuleza, ukujula ibhola yombhoxo, ukubaleka, ukugqithiswa kwebhola. Amaqela abeyinxalenye yale midlalo aquka iXhora, iDutywa kunye neGatyana, abantu abadala ukusukela kwiminyaka engama-60 nangaphezulu.
