Umphathiswa wezothutho kwi phondo le Mpuma Kapa uMnumzana Xolile Nqatha ukugxeka kabukhali ukuhlaselwa okuthe gqolo kwe bhasi eziquqa zibuyelela zenkampani yakwa AB350 ezenza ubom babantu bubelula ezilalini zephondo le Mpuma Kapa.
Isiganeko sakutshanje sehle ngentsasa yanamhlanje kwidolophu yase Ntabankulu nalapho le bhasi kuchazwa ukuba iye yemiswa kwanyenzelwa abakhweli behlike. Oku kwenzeka emva kweveki ezimbini nalapho ibhasi yakwa AB350 iye yafumana uhlaselo kwidolophu yaku Centane. Ukanti kwilixa elingaphambili enye ibhasi iye yantunyekwa ngomlilo kwi dolophu yase Cofimvaba.
Umphathiswa uthi obu ayibobudlobongela nje kuphela, koko kukunyhashwa kwamalungelo abakhweli nokubeka ubomi babo emngciphekweni kwezokhuseleko. Kuba abakhweli baxhomemeke kwezi bhasi ukuya emisebenzi nasezikolweni.
ISebe lwezo thutha libambisene nabo bezonyanzeliso mthetho ukuqinisekisa ukuba abenzi bobumi bajamelane nengalo yomthetho ukuze uluntu luhambe ngokukhululekileyo nokukhuselekileyo.
