Namhlanje bekusindwe ngobethole kwilali yaseMndundu ngethuba bekubekwa iNkosi u-Anele Mtshazi, Ahh! Zwelekhaya, engena ezihlangwini zongasekhoyo uNkosi Gwebixhala kwaye umasipala waseMbhashe ebeyinxalenye yalo msitho.
Uvuyo belubhalwe ebusweni kubantu bale ndawo kukuphumelela kwalo msitho. Kaloku yiminyaka mithandathu bequqa kwinkundla zamatyala nenkundla zomdibaniso ePitoli besilwela ubukhosi babo abaphulukana nabo ngenxa yemfazwe zangaphambili.
Zithethe ngokuthetha izithethi phez’ukwentloko yeNkosi zikwavuyisana nayo kuhambo lwayo olutsha lokukhokhela indawo yaseMndundu kuGatyana.
Ilunyukiswe ngobunzima bendlela azakuyihamba kunye nemiceli-mingeni azakudibana nayo ekwakhuthazwa ukuba anyamezele kwaye abahloniphe abantu bendawo yakhe.
Emva kokubekwa iNkosi iphose amabini amathathu isithi, “Ndiyanibulela ngobukho benu kwaye ndiyathemba sizakusebenzisana kakuhle ukuya phambili”.
Usihlalo weKomiti ye-Akhawunti zoLuntu zikaMasipala (MPAC), uCeba Nosipho Ganda kwintetha yakhe ukhuthaze abantu abangotata ukuba bahewule ukuhlukunyezwa kwabantu abangomama, kule nyanga yamanina.
Lo msitho ubuzinyaswe bubukumkani bamaXhosa, eNqandu; iiNkosi zendawo-ngendawo kuquka nobuKhosi boNyathi baseMnambithi naseXobo nooCeba, ukukhankanya abambalwa.
