Izakukrwela indlela yakwa ward 29 emva kwesikhalo sabahlali ngokungahambeki

Emva kwesanxwe nesijwili sabahlali bakwa ward 29 ingakumbi kwilali ezifana no Nqabarha ukuya eNtubeni bekhala ngendlela engahambekiyo, nabaye bafumana isithembiso kwabase magunyeni ukuba isikhalo sabo sivakele, nalapho bathenjiswa ngokuba uganda-ganda uzakuthunyelwa ekuqaleni kuka Septemba. Ngentsasa yanamhlanje oNokrawuzana belijelo bazibonele ngamehlo lo ganda-ganda ebelekwe sisigadla esingise apho kufanele enze khona umsebenzi woku lungisa indlela. uCeba wakwa ward 29 uMnumzana Nxusani kwakunye no Mnumzana Mgedezi oyinkokheli yokuhlala bebeyinxalenye yegqiza elikhokhele abo bazakuba beqhumisa uthuli kukrwelwa indlela.

About the Author

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

You may also like these