Xhorha – Utata uNyawuza ogama lakhe silinkonyileyo oneminyaka emalunga namashumi asixhenxe anesithathu – 73 waku Kulokhamisa eNtlonyana kwidolophu yase Xhorha uthi kunzima ukubiza umzi wakhe njengekhaya. Lo bawo uthi umzi wakhe wadilika kunyaka ophelileyo kweye Dwarha, kungokunje sele efince unyaka ebala inkwenkwezi kuba kuphandle kwakhe.
Uyibeke imeko yakhe yabalusizi esithi xa kunetha namaxesha amaninzi bacela indawo yokulala emizini ukuba bafihle iintloko, bavuke emini kulomizi bazogcakamela ilanga ecaleni kwelibhodlo yayilikhaya labo bechuba iinzipho bengayazi nokuba mabaqale ndawoni.
Utata uNyawuza uthi akaziphilelanga lomali ayifumanayo ka Lamaphosa (nkam-nkam) uzisa ngayo koo gqirha ze bazame nento yokuba balale betyile, bangasokolisi abantu ngendawo yokulala nokutya. Ngethuba simbuza ukuba abasemagunyeni bakhe bazojonga imeko yakhe uthi “bakhe beza bafota kodwa oko wayejonge enkalweni akukabikho ncedo alufumeneyo usabalindile nangoku”
UNyawuza uthi isicelo sakhe kukuba nabani na ofunda elinqaku onokwazi ukumnceda ukuba kuvuswe umzi wakhe angayibulela kakhulu lonto kuba imeko yakhe yempilo ingakwazi ukumelana nesimo ajongene naso.
Umphulaphuli wo Mbhashe FM osithele tsuphe ngelinqaku usibalisele esithi imeko ka Bawo uNyawuza ayimlungelanga ukuba abe kanti uhlala ngoluhlobo, watsho esithi ijelo labahlali uMbhashe FM malikhe lingenelele kuba lona linamandla okufikelela kuluntu oluninzi. Ecela abantu ukuba baphose oko banokufikelela kuko ukuze lotata azive esekhaya kuvuswe ikhaya lakhe, nanjengoko ijelo uMbhashe FM lisithi zive usekhaya.
Lowo unomdla wokunceda elixhego angalitsalela ngqo ku nomyayi walo kule nombolo ilandelayo: 073 776 6970 okanye asichwethe singu Mbhashe FM ku: 081 335 3343
uBaw’ uNyawuza makazive esekhaya
