Bekubanjwe iMayoral Imbizo ku Gatyana

Lusuku lwesi-3 lwe Imbizo zika Sodolophu namhlanje kuGatyana, kwiZiko leMidlalo laNgaphakathi.

I-Mayoral Imbizos iquke omathathu amacandelo aphantsi kwe-Mbhashe LM apho iinkokeli ziya kubonelela ngengxelo yonikezelo lweenkonzo kuzo zonke iiprojekthi ezithe zaqhutywa kwaye zisaqhuba ngoku kuquka nezinto eziphambili kwiiwadi.

Le ndibano yanamhlanje ebikhokhelwa
ngooceba abangamalungu eKomiti kaSodolophu, uCeba uNombongo Apleni kunye noCeba uNolumanyano Ngomthi iye yaqhuba kakuhle kwaye ibizinyaswe ngooceba beewadi zakuGatyana, amalungu ekomiti we Wadi, amagosa kamasipala bekhokhelwa nguMlawuli Oyintloko kuMasipala, Mnu Mkhululi Nako, kunye nabameli abavela kumasebe ohlukeneyo ecandelo likarhulumente bebezimase le mbizo ukuze uluntu lube neqonga lokuxoxa ngemiba yonikezelo lweenkonzo.

I-Imbizo kaSodolophu ejolise ekubandakanyeni uluntu, ukubeka ingxelo yenkqubela phambili kwiiprojekthi zonyaka-mali wama-2024/25 kunye nokuqinisekiswa kwezinto eziphambili kwiiwadi. Olu thethathethwano lukwajonge ukuvala umsantsa phakathi kukarhulumente noluntu ngokuqokelela yonke imiba yeewadi eza kuphakanyiswa luluntu ukuze lunyukele kumasebe ecandelo elifanelekileyo.

Ekugqityweni kwezi seshoni, yonke imiba ephakanyiswe ngabahlali iya kunikwa ingqwalasela.

About the Author

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

You may also like these