Rhoqo ngee holide zika June, Indoni South Africa My Heritage My Pride idibanisa abantwana kwiindawo ngeendawo abakuzo phantsi kwenkqubo ethi Indoni Culture School, nalapho abantwana abalulutsha nabazinkokheli zangomso baphokozelana khona ngamasiko nenkcubeko, ukubaluleka kokuzazi kwanokuxhobisana ngezinto ngezinto ezibachaphazelayo ekuhlaleni njengabantu abatsha. Abantwana bafumana ixesha lokonwaba, ukufunda ngemvelaphi yabo, ukufunda ngendlela yokuziphatha, nangezinye izinto ezininzi. Ekupheleni kwale camp kubakho ukhuphiswano phakathi kwabo nalapho kutyunjwa isibini esizakuthi sibamele kukhuphiswano lwe Indoni South Africa lwaminyaka le.
Kulonyaka AbaThembu kunye namaXhosa ebeyibambe le Indoni Culture School kwindawo yase Komani kwilokishi yaseZibeleni, kulapho ke kuye kwatyunjwa khona oompondo zihlanjiwe abazakumela AmaXhosa eDurban ngo December, uNtyatyambo Funda wase Dutywa, kunye no Thuliswa Makhasi wase Mount Frere
