Baxhotyiswe ngolwazi abafundi base Nqabarha Junior Primary ngama Sebe ka rhulumente.

Nqabarha – Ngentsasa yanamhlanje amase Sebe ka rhulumente ebengungelene kwisikolo samabanga asezantsi iNqabarha Junior Primary, bekukho iSebe lakwa Social Development, iSebe le Zempilo, Amapolisa, ne leze Mfundo bebambisene no Tishala kwakunye nabazali babantwana abafunda kwesisikolo.

Injongo yale ndibano ibikukuxhobisa abafundi ngezinto abanokuthi bagaxeleke kuzo ngethuba bejongene nezifundo zabo nalapha ekuhlaleni.

uMiss Sisulu we Sebe lakwa Social Development uthethe ngokuzibandakanya kwabantwana kweze sondo bengekabikho selungelweni (sex abuse), ukusutyenziswa ngwenxa kweziyobisi (Substance abuse) elumnkisa abantwana ukuba bazichaze izinto ezenzeka kubo bangathuli noba umntu uzalana nabo kanjani.

Abe Sebe leza Mapolisa (SAPS) bathethe ngokusetyenziswa kweziyobisi (drug abuse) becacisa ukuba abantwana mabaxele okanye uba bayakwazi ukuhlebela amapolisa banganaso nesipho abasifumanayo xa benochaza abantu ababafaka ezintweni ezingalunganga  ekwaxwayisa abantwana ukuba mabayeke ukuzifihla izinto ngoba amapolisa akholo lonto.

Ngethuba aba Sebe le Zempilo baye balumnkisa ngendaba yoku khulelwa kwabantwana (teenage pregnancy) besithi bakhuthaza ukuzigcina (abstinence) kubantwana, bekhala ngento yoba kukho umntana oneminyaka elishumi omithiswe ngumntana oneminyaka elishumi elinesithathu besitsho besithi abazikhuthazi izinto zomlalwano wabantwana, nabantu abadala mabohlukane nokwenza izinto zabantu abadala phambi kwabantwana ngoba iziphumo kukuba balinganise ezinto zenziwayo batsho besithi kukhona ucwangciso eziklinik umntu makathathe umntana amse kucwangciso (family planning) xa ngabe uxakiwe kukumnqwanqwada.

Ngethuba lo iSebe le Mfundo likwacacise nange Quality Learning and Teaching Campaign ukuba liphulo elize no education elincedisana nabazali nezinye I departments ekuqeqesheni noku khupha abantwana ebugwenxeni (QLTC)

About the Author

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

You may also like these