Mpume – Bebephume ngobuninzi abahlali ukuya kwindibano ebibanjwe ngentsasa yanamhlanje kwi lali yase Mpume apha kwi dolophu yaku Gatyana. Lo mhlangano ngumphumela wesikhalo nesimbonono sabahlali base Mpume – (iMpume Community Residents) kwakunye nabahlali base Nqabarha – (iNqabarha Concerned Group) abathe gqolo ukuvakalisa kwabo ukungaxoli kwabo sisimo sendlela engahambekiyo apha kwa ward 29 ku Masipala wase Mbhashe.
Ngo Lwesibini abahlali base Mpume bavuke ngenja ixukuxa beyokuvala indlela besithi abade baphendulwe ngabasemagunyeni emva kwesithembiso ababesenze kwilixa elingaphambili ngethuba bendwendwele lo mmandla. Ngelixa longenelelo lwamapolisa ezokugcina ucwangco kwaye kwavunyelwana ukuba makuphinde kudityanwe ngo Lwesihlanu umhla wama Shumi amabini anesibini ukuze kufunyanwe umhlahlandlela nechiza kwezikhalo zabo. Ukanti kwilixa elingaphambili iNqabarha Concerned Group yayokuphephezelisa amaxwephu ezikhalazo ecaleni kwendlela, ngethuba iNkulumbuso namagosa ka rhulumente esingise kwi Battle of Lurhwayizo, nalapho yathembisa ngokuphendula zingaphelanga iintsiku ezilishumi elinesine.
Ngalentsasa yanamhlanje amagosa karhulumente aphuma kwi ofisi yenkulu Mbuso ye Phondo, amagosa ka Masipala wase Mbhashe, abe Candelo lokunjinela, iSebe Lezothutho,amapolisa badibanise iintloko ukuze kusonjululwe lentsindabadala. Emva kwe nkcaza yamagosa karhulumente kwakunye nengxoxo ebezitshisa ibunzi kuvunyelwene ukuba ekuqaleni kwenyanga ezayo kuzakuthunyelwa oganda ganda (graders) ukuze zizokukrwela kuzanywe ukulungiswa lendlela ingundaba mlonyeni. Esi sisombululo yindlela yamagosa karhulumente yokubambisa ngethuba kusalindwe isigaba sesithathu (phase 3) sendlela ekuvakala ukuba isendleleni ezakulungisa lendlela nekulindeleke ukuba ibekumgangatho ophezulu.
Abahlali bavakalise ukuphelelwa lithemba kwizithembiso ezithe gqolo ukwenziwa ngabo baku rhulumento. Kodwa kweli ityeli bayathemba ukuba esi sisombululo sanamhlanje sakukufezekiswa. Batsho besithi amehlo ajonge enkalweni belinde eloxesha libekiwe ng
