Mbhashe FM – Zive usekhaya
Mbhashe FM okwangoku sisikhululo sikanomathotholo esisekwe kwi-intanethi esisasaza imixholo yasekuhlaleni iiyure ezingama-24 kuluntu lukaMasipala wase Mbhashe nakwihlabathi jikelele. UMbhashe FM sisikhululo sikanomathotholo sasekuhlaleni esibhalisiweyo (Reg. No: 188-130 NPO), esinombono wokuba sisikhululo sikanomathotholo sasekuhlaleni. Usasazo lwethu lusuka eMzantsi Afrika lusiya kwihlabathi lusuka emaphandleni eMbhashe eMpuma Koloni. UMbhashe FM uzimisele ngokuphakamisa uluntu kumasipala wase Mbhashe (Dutywa, Gatyana, Xhorha – DGX) ngokusebenzisa unomathotholo.
Esikwenzayo
Sinikezela ngeenkonzo yosasazo ngobuchwephesha balemihla, egxile kuluntu kunye nezinzileyo ngokwemali eyazisa, ifundisa kwaye yonwabise uluntu, ngentsebenziswano namalinge ka rhulumente, nangengawo akarhulumente okubonelela ngophuhliso.
Imvelaphi yethu
Isikhululo sikanomathotholo uMbhashe Community Radio Station eyaziwa ngokuba ngu Mbhashe FM sibhaliswe ngokusemthethweni ngoko Mthetho we Non-Profit Organisation Act (Act 71 of 1997) onenombolo engu 188-130NPO. Ze sanikwa impepha mvume zokunkinkisha amaza omoya ngabasemagunyeni kwezosasazo bakwa Icasa, ukuze sinkinkishe usasazo kwisithili sika Masipala wase Amathole.
Ubulungu bo Mbhashe FM yinkxaso mali yenyanga. Unokwenza igalelo nokuba uhlawule kube kanye ngonyaka okanye igalelo lenyanga. Ngenkxaso yakho yemali singaqhubeka sidibanisa zonke inkalo zobomi sinxulumanise abantu ngo Mbhashe FM siphucula uluntu lwethu ngomculo nangeenkqubo zasekuhlaleni ezakhayo.