Ubomi emva kwebanga leshumi elinambini – kutsho u Wanda Sofuthe
Dutywa: Usibalisela ngo bomi emva kwe banga leshumi elina mbini umbhali waku Sofuthe eNgcingwane.
UWanda Sofuthe yindzalelwane yase Dutywa esele igxumeke intente zayo eRhawutini ngenxa yokuxelenga. Ngethuba sichuba naye isikhwebu sileli jelo kutshanje usichubele imbilini yakhe ngobom bakhe emva kweshumi elinambini. Uqhuba uthi lencwadi igcwele inkuthazo kwayelibali elisekwe kwinyaniso (novel). Lo ka Sofuthe uthi uqale ukonwabela uncwadi eseku mabanga aphantsi, waze waphumelela ibanga le shumi e Dutywa School of Excellence.
Uthi ngelishwa kwelakhe ikhaya zange zibekhona iintsiba zokuba angakwazi ukuqhubela phambili aye edyunivesithi okanye ekholeji. Kodwa emva kokufumanisa ukuba kumathala encwadi uyakwazi ukuboleka incwadi waye wathi gqolo ukuhambela amathala ingakumbi akufika eRhawutini nalapho aqale khona ukubhala le ncwadi igcwele inkuthazo ethi “Ubomi emva kwebanga leshumi elinambini” Utsho esithi emva kwebanga le shumi ubomi abumanga kuba wayewakwazi ukuqhubela phambili nezifundo zakhe.
Sithetha nje ngoku uWanda ungu mbhali, usebenza njengomntu owenza intengiso (Salesperson) kwaye uyintatheli kwiphephandaba lakwa Eastern Cape Daily News (Digital newspaper) wenza izifundo ze Journalism sele eziqhuba (Part time) Xa ufuna ukufumana obubuncwane bubhalwe kule ncwadi ngolwimi lwesi Xhosa ungathi ukhangele u Wanda Sofuthe apha ku Facebook kungenjalo umthumelele umyalezo ku : 078 340 8057 okanye email wandasofuthe@gmail.com