December 7, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Kuza kube kubanjwe into ebizwa Mbhashe Outreach Programme

Mbhashe – Kuza kube kubanjwe into ebizwa Mbhashe Outreach Programme kungentsuku zatywala.
Esikuvileyo ngabasondeleyo emfuthweni wolwazi singo Nokrawuzana bathi “kuzakube kuhanjelwa izikolo namaholo oluntu ukuze abahlali bakwazi ukufumana izazisi zabo (smart card) bakwazi ukufaka nezicelo ezitsha zezazisi.
Xa besikrwaqula kumqulu wendawo ezizakundwendwelwa kubekwe bucala iintsuku ezintathu ukusuka ngomhla we 18 Septemba ukuya kwi 20 Septemba 2023.
Usuku lokuqala: 18 Septemba 2023
Ngwenze S.S.S, Gwadana Hall, Notinarha Hall, Colosa S.S.S
Usuku lwesibini: 19 Septemba 2023
Jem Hall, Nqabisile Hall, Jongilanga S.S.S, Mdeni S.S.S
Usuku lwesithathu: 20 Septemba 2023
Nqabarha Junior Primary, Fort Malan S.S.S, Badi S.S.S, Zwelidumile S.S.S nase Malgas S.S.S
Xa besiqhuba sisabela ngale outreach programme sikrwece bucala uCeba wakwa ward 29 uMnu Nxusani ukuze sisabele ngcono. Ngokwenene ukungqinile ukuba kukrwecwe namanye ama Sebe ka rhulumente ukuba asondele. Ukhankanye ama Sebe afana no SASSA, DRDAR (Agriculture) SAPS, UMasipala wase Amathole ukuba baze basondele ingakumbi apha eNqabarha Junior Primary. Ulebele ngelithi uluntu maze luphume ngobuninzi ukuza kwezi outreach programme ukuzozibuzela ngazo zonke ingxaki abajamelene nazo ngokwe Sebe elo umntu anombuzo kulo. Sive nokuba abo bayakube benemibuzo engafanelanga kuthiwa pahaha esidlangalaleni (confidential questions) kuya kube kulungiswe amagunjana abucala ukuze umntu abuze ngokukhululekileyo nokuzithemba umbuzo lowo kwi gosa elo.
Kulindeleke ukuba le programme iqale kwakusasa malunga nentsimbi yesibhozo (8:00)