Ikumkanikazi yesizwe sama Xhosa izimisele ukuza notshintsho ezilalini Ku Gatyana.
Gatyana – “Ikumkanikazi uNolwando Sigcau oyinzalelwane yalapha eMthokwane uphuhlisa i community yase Nqabara ngokuzisa iiprojects ezisusa ikati eziko. Uqalisile ke ngeyolimo ngomhla we 30 Agasti” simcaphule ngalo mazwi ngethuba ebonakalisa ukuzimisela kwakhe ukuba uzimisele ngokwenene ukuza nophuhliso kwilali zaku Gatyana.
Ngethuba sikhe sahlala phantsi sichuba isikhwebu ne Kumkanikazi yesizwe sama Xhosa uNolwando Sigcau usikrobise kuvimba ophuphumayo ziinjongo nezicwangciso zophuhliso ingakumbi kwilali zaku Gatyana. Imvula tasi yakhe kulo ndum ndum besiwubambe naye usithele tsuphe ukuba iphulo lokufundisa ngezolimo ebelibanjwe kutshanje ngomhla wama shumi amathathu (30 Agasti 2023) kwilali yase Mthokwane kufundiswa uluntu ngezolimo ibiseyi ngabulazigcawu.
Uqhube wathi ilali yase Nqabarha, ingakumbi eyase eMthokwane apho ayinzalelwane yakhona uyokuqhina eDwesa kulapho agxeleshe khona. Utyatyadule wathi “Ndifuna ukuba uluntu luyeke ukushiya imihlaba yalo liyokufuna impangelo kwezinye indawo kwaye kuphuhliseke nabo banezifundo ezithile kodwa bengakwazi ukuqhubela phambili. Ndinephulo lokulima, elokwenza iimveliso zokucoca amakhaya (detergents) ukutyalwa kwamachiza okwenza amayeza (capsules) nokuba abantu bazivulele okopolotyeni (cooperatives) abazakuncedisa ekuphuhliseni imeko yentlalo” utshilo uKumkanikazi ngethuba engena nzulu kuvimba wakhe wophuhliso asikrobise kuwo.
Uqhube wathi kukho amaphulo athe gqolo ukumenywa kuwo agxile kwezolimo nalapho adibanisa khona iintloko kwakunye nezinxibamxhaka ezikwizikhundla eziphezulu ku rhulumento ukuquka ne nkampani zabucala ezama ukurhwebesha ulwazi nentsebenziswano ezakuthi inkinkishelwe uluntu ekuhlaleni” Msasazi ndithetha nje nawe ndizakube ndikwi ndibano eGqeberha kungentsuku zatywala, bendikwiphulo lezo limo ku Qumbu nabaphathiswa apha ePhondweni kutshanje”
Eliphulo lezo limo liqalile kwi lali zase Nqadu nalapho sele kufakelwe imijelo yokulima (tunnels). Le misebenzi yenziwa li Komkhulu phantsi kwe Nqila ephethwe ngu iNkosi uSalakuphathwa. Kukwakho naleyo sikrweca khona iinkampani zabucala.
Le nkqubo kuvakala ukuba iza ne Komkhulu ngokwalo, ikhokhelwa yiNkosi uSalakuphathwa oyi nkosi ye Nqila ehamba no nkosikazi wakhe umama uNobakhe Salakuphathwa bebambisene ne nkampani eye yabaxhasa ukuba ningathi nikwazi ukuphuhlisa pha na phaya ekuhlaleni niphuhlisa uluntu. Kwaye zinintsi iprograms ezithi zifikele kum nendisenenjongo zokuba ziye eluntwini.
Ikumkanikazi ikwasibalisele ukuba izakube inotyelelo eBisho nase Gqeberha kulenyanga. UKumkanikazi uqwele ngelithi ukwanayo ne foundation ezakwaziswa ngokusesikweni kugekudala (launch) kodwa inkcukacha ezithe vetshe ngayo uzakuphinda asithele tsuphe singo Nokrawuzana besikhululo.
Xa sisithi gxezu nje kwelinye icala kwakule ncoko ne Kumkanikazi uthe akawuvali umlomo liphulo lesikhululo sika nomathotholo esiqulunqwayo ekuhlaleni, kwaye unqwenela ukuba side sibekanti siyimpumelelo, kuba kukhulu okuyakuzuzwa luluntu ngobukho baso.
Singo Nokrawuzana belijelo singase moyeni, sakuthi sakube sikhe saphinda sanaye omnye undum ndum ngezophuhlisiso no Kumkanikazi siphinde sinithi vandla vandla ngendaba zenkqubela no phuhliso ekuhlaleni.
Iindaba zenu, ziindaba zethu – Zive usekhaya