December 7, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Bekufundiswa ngolimo ku Batyi eMthokwane

Nqabarha – Luphume ngobuninzi uluntu lwe lali yaku Batyi, eMthokwane eNqabarha ku Gatyana ngethuba kufike inkampani ebizwa Socio Tech ezise iphulo lokufundisa ngokulima ukuze uluntu lukwazi ukususa ikati eziko.
Ngethuba sifakana imilomo no Jabu ongumhlohli weliphulo usibalisele ukuba zininzi iinkqubo abanazo apha kwa Socio Tech ezifana nezi:
My Future
Horticulture
How to grow your Business
Poultry
Livestock
Kwakulendibano sifumanise ukuba ukuza kweliphulo kuphenjelelwe ngenye yenzalelwano zalelali esele iyinxalenye yalo kwezinye indawo.
Abanye babantu ebebezokuzibonela kwaye bezindlebe ibiyi Nkosi yase Nqabarha uBawo uMazamisa, uBawo u Zwelenkululeko esuka eNqadu nesi bonda sasekuhlaleni kwakunye noluntu ngobubanzi.
Kufikelele ixesha lokuba kungenwe egadini ukwenza umboniso wezifundo ebezibanjiwe (practicals) nalapho abahlali bebethe nqwadalala egadini kumzi wakwa Maliwa.
Lubonakala luchulumancile kwaye lululangazelela oluphulo.