December 7, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Bafuna ufuduselwa eKing Sabatha Dalinyebo abahlali base Xhorha

Mbhashe – Kuvakala ukuba uluntu kwakunye nabahlali ngobubanzi bedolophu yase Xhorha elapha phantsi kuka masipala wase Mbhashe, bafuna ukufudaka bathathe zonke itasana zabo bawelele kumasipala ose bumelwaneni wase King Sabatha Dalindyebo. Ngonkomlomo wentatheli ka SABC ebibalisa elinqaku kwi nkqubo ndaba yase min’emaqanda uZibuzwa kuthi ithe:
“Uluntu lwase Xhorha lukhankanya ukulibaleka kwi nkonzo ezifanele kukuya kubo zisuka kumasipala wabo, kwaye kufuneka bengene nzulu ezipokothweni zabo ukuze bafikelele kwintloko dolophu yo Masipala wase Mbhashe eDutywa. Nangona kufikeleleka lula ukuya kwidolophu zase KSD. Kwaye izinto ezininzi sele bezenza kwelacala.” Unontatheli ukwayikhanyile eyokuba umasipala wase KSD awuzibhebhethanga kuyaphi ezongxelo. Kwilixa elingaphambili bekuvakele ukuba umasipala we KSD ugxeleshe ngeliso elibanzi isicoco sokuba ngu masipala mbaxa (Metro). Kodwa imicimbi ekumila kunje iye ichotshelwa ze igqitywe yi Bhodi Yokucandwa kwe Mida (Dermacation Board)
Credit: Eli silichaphule kwi nkqubo ndaba uZibuzwa kuthi.
Photo; Spotlight
Umbuzo: Luthini uluvo lwakho ngengcamango yoluntu lwe dolophu yase Xhorha elufuna ukuwelela kumasiapala osebumelwaneni lufulayithele umasipala wase Mbhashe?