December 7, 2024

103.9FM

106.1FM – Zive usekhaya

Ucela uncedo uTa Mni wase Makhanda ukuze aphume ebugxwayibeni

Lo bhuti simxhome apha igama lakhe ngu Ta Mni (igama silishwankathele) oyinzalelwane kwi dolophu yase Makhanda (eRhini) kwalapha kweli Phondo le Mpuma Kapa. UTa Mni usibikele imbilini yakhe ebalisa imeko aphila phantsi kwayo. Nalapho avakalisa ukuba imeko nendzingo zobom ziyamekuza, watsho esithi izinto azicelayo eluntwini elifunda elinqaku kukuba bamncedise afumane umsebenzi nokuba ngonjani, kungenjalo lonto inokuba yinkongozelo ngelithuba esabhula esela efuna umsebenzi.
Ngokwamazwi wakhe usibhalele wenjenje:
“Ndaswelekelwa ngu mama wam ngo 2017 akhomnyango ndingakhange ndiye kuwo kwa masipala aba bantu balandelayo bayayazi imeko yam uManager, HR. Office ka Mayor, Office ka Director, Office Speaker.
Ndihlala ndedwa ikhaya lam lidlakadlaka.
Ndizakutya emigqomeni kungekudala ukuba andifumani ncedo eluntwini, umasipala cwaka nge job, kuqeshwa ngokwaziwana.
Mayor uyayazi ingxaki yam ukhe wandipha endibonelela nge Food parcel”
Lawo ngamazwi ka Ta Mni ngethuba esichubela ingxaki yakhe. Ukuba ngaba unganayo indlela yokufikelela kwisicelo sakhe somsebenzi u Ta Mni ungathi umkrwece bucala kule nombolo ilandelayo nokuba yi food voucher uthi ingawenza umahluko empilweni yakhe : 073 610 3332
Kwintetha yesiXhosa kukho amazwi athi “Olungakhaliyo lufel’ embelekweni” kwaye u Ta Mni uthi “ngokwamazwi ka Mfundisi, intlupheko mayingade ibhalwe ebusweni”
“Masincedeni uTa Mni ukuze naye aphile ubom obungcono”